Iintshayelelo Zamaphephancwadi
Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile KuMgqibelo Wokuqala KaDisemba
“Ndiqinisekile ukuba uya kuvumelana nam ukuba sonke siyabafuna abahlobo. Luluphi uphawu oluthandayo ngomhlobo wakho? [Mlinde aphendule.] Phawula oko kutshiwo apha ngendlela yokukhetha abahlobo.” Nika umninimzi ikopi yeMboniselo kaDisemba 1, nifunde nize nixubushe umbandela okumxholwana wokuqala kwiphepha 16. Funda isibhalo sibe sinye. Mnike amaphephancwadi, uze ulungiselele ukubuyela ukuze niphendule umbuzo olandelayo.
IMboniselo Disemba 1
“Ucinga ukuba kutheni le nto kutshanje kukho iintlekele zemvelo ezingaka? [Mlinde aphendule.] Okubangela umdla kukuba iBhayibhile yachaza kwangaphambili ngexesha lokwenzeka kweentlekele. [Funda uMateyu 24:7, 8.] Eli phephancwadi liphendula le mibuzo: Kutheni namhlanje kukho iintlekele zemvelo ezininzi kangaka? Ngaba sisohlwayo esivela kuThixo? Sinezizathu ezininzi zokukholelwa ukuba uThixo uza kuziphelisa zonke iintlekele zemvelo.”
Vukani! Disemba
Funda eye-2 kuTimoti 3:16. Emva koko uthi: “Abanye bayavuma ukuba iBhayibhile iphefumlelwe nguThixo, ngoxa kwelinye icala abanye bengavumi. Wena ucinga ntoni? [Mlinde aphendule.] Nangona kukho iimbono eziphikisanayo ngalo mbuzo, kuyavunywa ukuba akukho ncwadi ekhe yachaswa ngoluhlobo. Eli phephancwadi lichaza ezinye zeendlela zokutshabalalisa iBhayibhile nokucinezela ukufundwa kwayo ukutyhubela iinkulungwane. Lichaza nesizathu sokuba ihlale ixesha elide kangaka.”