Iintshumayelo Onokuzisebenzisa
Ukuze Uqalise Izifundo ZeBhayibhile KuMgqibelo Wokuqala KaDisemba
“Ngeli xesha lonyaka, abantu abaninzi bacinga ngoYesu. Ucinga ukuba yintoni eyona nto ibalulekileyo awayenzayo uYesu? [Mlinde aphendule.] Khawuve ukuba uthini lo mxholo okwiphepha 16 lale ncwadi.” Nika umninimzi iMboniselo kaDisemba 1, nifunde oko kubhalwe komnye wemixholwana nize nifunde okungenani isibhalo sibe sinye. Mnike amaphephancwadi uze ulungiselele ukubuyela ukuze niphendule umbuzo olandelayo.
IMboniselo Disemba 1
“Ngeli xesha lonyaka, ayikho enye into ecingwa ngabantu ngaphandle kweKrismesi. Kwezi zinto zibhalwe apha, yiyiphi ocinga ukuba yeyona ibalulekileyo ngeKrismesi? [Mbonise uludwe olukwiphepha 3 uze umvumele aphendule. Emva koko tyhila kwelo nqaku alikhethileyo uze ufunde isibhalo esiyintloko.] Le ncwadi ichaza izinto esinokuzenza ukuze sibonise ukuba uYesu simkhumbula unyaka wonke, kungekuphela nje ngexesha leKrismesi.”
Vukani! Disemba
“Sinityelela kuba abantu abaninzi bexinezelekile. Ngaba ucinga ukuba abantu namhlanje bayakhawuleza ukuphelelwa ngumonde? [Mlinde aphendule.] Abanye abantu bakholelwa ukuba siphila kumaxesha anzima ekwaprofetwa ngawo kule ncwadi yesi-2 kuTimoti 3:1. [Funda] Le ncwadi ichaza isizathu sokuba kuyingozi ukungabi namonde, kunye namacebiso okuba nomonde.”