Asitshayisi Kulo Msebenzi
1. Sazi njani ukuba amaKristu enkulungwane yokuqala zange avakalelwe kukuba atshayisile kumsebenzi wokushumayela?
1 AmaKristu anenzondelelo enkulungwane yokuqala ayevakalisa iindaba ezilungileyo “ngaphandle kokuyekelela” naphi na apho ayedibana khona nabantu. (IZenzo 5:42) Asiqondi ukuba ayebayeka abantu ababengekho kwizindlu ayeshumayela kuzo. Ayengenakuliyeka nethuba lokushumayela ngokungacwangciswanga xa edibana nabantu kwiindawo zemarike xa etshayisile entsimini. NjengoYesu, zange avakalelwe kukuba atshayisile kumsebenzi wokushumayela.—Marko 6:31-34.
2. Kuquka ntoni ukuphila ngokwegama lethu?
2 Sisoloko Sikulungele: Igama esibizwa ngalo, amaNgqina kaYehova alichazi nje oko sikwenzayo; lichaza nokuba singoobani. (Isa. 43:10-12) Ngoko sisoloko sikulungele ukuthethelela ithemba lethu, naxa singekho kumsebenzi wendlu ngendlu. (1 Pet. 3:15) Ngaba usoloko uwalindele amathuba okushumayela ngokungacwangciswanga, ucinga ngendlela onokuphendula ngayo? Ngaba usoloko unalo uncwadi onokulunika abanomdla? (IMize. 21:5) Ngaba ushumayela kwindlu ngendlu kuphela, okanye uyathetha nabantu ngeendaba ezilungileyo naphi na iimeko zivuma?
3. Kutheni simele sinikele ingqalelo ekushumayeleni esitratweni nakwiindawo zokupaka iimoto, ezipakini, kwiindawo zoshishino njalo njalo?
3 Ukunikela Ubungqina “Esidlangalaleni”: Sishumayela esitratweni nakwiindawo zokupaka iimoto, ezipakini, kwiindawo zoshishino njalo njalo. Ngaba ezi ziindlela ezingaqhelekanga, ezahlukileyo, okanye ezinokusetyenziswa xa ubani ethanda? Umpostile uPawulos wathi wayeshumayela “esidlangalaleni” nakwindlu ngendlu. (IZenzo 20:20) Ukushumayela kwindlu ngendlu yeyona ndlela iphumelelayo yokufikelela abantu ngesigidimi soBukumkani. Sekunjalo abavangeli benkulungwane yokuqala babenikela ingqalelo kubantu, kungekhona kwizindlu. Babesebenzisa naliphi ithuba elivelayo ukuthetha nabantu ngenyaniso—esidlangalaleni, ngokungacwangciswanga, nakwindlu ngendlu. Ngamana singaba neso simo sengqondo ukuze sibufeze ngokupheleleyo ubulungiseleli bethu.—2 Tim. 4:5.