Indlela Onokungenelwa Ngayo Kwiqela Lakho Lentsimi
1. Ziziphi iingenelo esasizifumana kwiSifundo Sencwadi Sebandla, ezisekho nakwiqela lentsimi?
1 Ngaba zikho izinto ozikhumbulayo ngeSifundo Sencwadi Sebandla? Amaqela ayemancinane ibe wonke ubani wayeziva ekhululekile. Oko kwakusenza kube lula ukuba sidibane nabahlobo abatsha baze basincede ukuze sikhule elukholweni. (IMize. 18:24) Umveleli wesifundo sencwadi wayezazi kakuhle iimeko zethu, nto leyo eyayimnceda akwazi ukusikhuthaza. (IMize. 27:23; 1 Pet. 5:2, 3) Ezi ngenelo zisekho nakumaqela ethu entsimi.
2. Singalithabatha njani inyathelo lokuqala ukuze sakhe ubuhlobo nabanye abavakalisi abakwiqela lethu lentsimi?
2 Thabatha Inyathelo Lokuqala: Amaqela entsimi amaninzi ayalingana nalawo ayesakuba ngawesifundo sencwadi. Ukusebenza “ngamphefumlo mnye” entsimini, kusenza sikwazi ukwakha ubuhlobo. (Fil. 1:27) Bangaphi abavakalisi osele usebenze nabo kwiqela lakho? Ngaba unako ‘ukuphangalala’ kule nkalo? (2 Kor. 6:13) Ukongezelela, sinokumema omnye umvakalisi okwiqela lethu ukuba abe kunye nathi kuNqulo lwethu lweNtsapho okanye kwisidlo. Kwamanye amabandla, amaqela entsimi ahlukahlukeneyo adla ngokuphekela izithethi ezivela kwamanye amabandla. Xa kupheka lona, elo qela litya kunye lize likhuthazane enoba isithethi sikho okanye asikho.
3. Ngawaphi amathuba okukhuthazwa esiwafumana kumaqela ethu entsimi?
3 Nangona ibandla lidibana kabini ngeveki, oko akuthethi ukuba abavakalisi abafanele batyelelwe ukuze bakhuthazwe. Qela ngalinye liba nomveleli walo ukuze akhuthaze aze aqeqeshe abavakalisi entsimini. Ukuba umveleli weqela lakho akazange akhe asebenze nawe, mhlawumbi unokumcela ukuba nihambe kunye. Ukongezelela, umveleli wenkonzo uphuma neqela elahlukileyo impelaveki ibe nye, nyanga nganye. Kumabandla amancinane nanamaqela ambalwa, unokutyelela iqela ngalinye kabini ngonyaka. Ngaba uyaqiniseka ukuba uyaya entsimini xa umveleli etyelele iqela lakho?
4. (a)Ziqhutywa njani iintlanganiso zentsimi? (b) Kutheni sifanele sicinge ngokuvula amakhaya ethu ukuze ziqhutyelwe kuwo iintlanganiso zentsimi?
4 Kudla ngokuba luncedo ukuba iqela ngalinye liqhube eyalo intlanganiso yentsimi ngeempelaveki. Ukuba neendawo eziliqela zokuqhuba le ntlanganiso kunokwenza abavakalisi bakwazi ukufika kwangethuba baze basebenze intsimi ekufutshane. Abavakalisi banokwabiwa ngokukhawuleza baze baqalise ukushumayela ngoko ngangoko. Kuba lula nangomveleli weqela ukunyamekela abo bakwiqela lakhe. Noko ke, ngamanye amaxesha kunokuba bubulumko ukudibanisa amaqela amabini okanye ngaphezulu. Ukuba lonke ibandla liphuma kunye kuMgqibelo wokuqala enyangeni okanye emva kweSifundo seMboniselo, kububulumko ukuba iqela ngalinye lihlale kunye ukuze abaveleli bamaqela bakwazi ukwaba abavakalisi ngaphambi kokuba kuthandazwe.—Funda ibhokisi enomxholo othi, “Uyacelwa Ukuba Uvule Ikhaya Lakho.”
5. Nangona iSifundo Sencwadi Sebandla singasekho, yintoni esinokuqiniseka ngayo?
5 Nangona iSifundo Sencwadi Sebandla singasekho, uYehova uyaqhubeka esinika yonke into esiyidingayo ukuze senze ukuthanda kwakhe. (Heb. 13:20, 21) Asinanto siyisweleyo kuba uYehova uyasinyamekela. (INdu. 23:1) Sifumana iintsikelelo ezininzi kumaqela ethu entsimi. Ukuba ‘sihlwayela ngokuyintabalala,’ siya “kuvuna intabalala.”—2 Kor. 9:6.
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
Uyacelwa Ukuba Uvule Ikhaya Lakho
Ngeempelaveki, amanye amabandla adibanisa amaqela entsimi, ngenxa yokunqongophala kwamakhaya enokuqhutyelwa kuwo intlanganiso yentsimi. Iintlanganiso zentsimi ziyinxalenye yonqulo lwethu, ngenxa yoko ukuvula ikhaya lakho kulilungelo. Nawe uyacelwa ukuba uvule elakho ikhaya. Mus’ ukuba madolw’ anzima kuba ikhaya lakho liphantsi. Abadala baya kuqwalasela indawo elikuyo ikhaya lakho kunye nezinye iimeko ezifanayo nezo babedla ngokucinga ngazo xa bekhetha amakhaya ekuza kuqhutyelwa kuwo isifundo sencwadi. Ukuba ungathanda ukuvula elakho ikhaya, thetha nomveleli weqela lakho.