Musa Ukuzoyikisela—Ukuzenzela Ixesha Nangona Uxakekile
1. Kutheni abanye bemadolw’ anzima ukuqalisa izifundo zeBhayibhile?
1 Abanye baba madolw’ anzima ukuqalisa izifundo zeBhayibhile kuba besithi baxakekile. Ukuqhuba isifundo seBhayibhile kufuna ixesha. Kufuneka ixesha ukuze silungiselele isifundo, sisiqhube, size sincede umfundi oyise imiqobo. Umpostile uPawulos wathi abazalwana baseTesalonika wayebanike nkqu nomphefumlo wakhe ukuze abafundise ngoYehova. (1Te 2:7, 8) Sinokusiqhuba njani isifundo seBhayibhile nangona sixakekile?
2. Ukuthanda kwethu uYehova kunaliphi igalelo kwindlela esilisebenzisa ngayo ixesha lethu?
2 Ukunqula Kufuna Ixesha: Inyaniso kukuba ukunqula uYehova kufuna ixesha. Ngokomzekelo, sidla ngokuchitha ixesha elithile sisiya kwiintlanganiso, entsimini, sifunda iBhayibhile okanye sithandaza. Umntu otshatileyo kufuneka achithe ixesha kunye neqabane lakhe nangona exakekile. Ngoko ke, kubaluleke nangakumbi ukuba ‘sizithengele ixesha’ ukuze sikhonze uYehova kuba simthanda. (Efe 5:15-17; 1Yo 5:3) UYesu wathi ukwenza abafundi yinxalenye ebalulekileyo yonqulo lwethu. (Mat 28:19, 20) Ukucinga ngoku kuya kusenza singoyiki ukuqhuba izifundo zeBhayibhile.
3. Sinokusiqhuba njani isifundo seBhayibhile xa singakwazi ukuya entsimini?
3 Kodwa kuthekani xa siphazanyiswa ngumsebenzi, impilo enkenenkene okanye izabelo esizifumana entlanganweni? Abanye abavakalisi ekuye kufuneke bangabikho ngamaxesha athile, baqhuba izifundo zabo ngefowuni okanye ngeIntanethi. Abo baphazanyiswa yimpilo enkenenkene baye bacela izifundo zabo ukuba zize kufundela emakhayeni abo. Abanye baye bacela abanye abavakalisi ukuba baqhube izifundo zabo xa bona bengekho.
4. Ziziphi iintsikelelo esizifumana ngokuqhuba izifundo zeBhayibhile?
4 UPawulos wonwaba gqitha ngenxa yokuchitha kwakhe ixesha namandla enceda abanye ukuze bafunde inyaniso. (IZe. 20:35) Xa wayecinga ngendlela awaphumelela ngayo eTesalonika, uPawulos wambulela uYehova. (1 Tes. 1:2) Nathi siya kuvuya size saneliseke nangakumbi ukuba asivumeli ukuxakeka kusenze sibe madolw’ anzima ukuqhuba izifundo zeBhayibhile.