Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile KuMgqibelo Wokuqala KaDisemba
“Sityelela iintsapho ukuze sincede. Abazali abaninzi bafuna abantwana babo bamthande uThixo. Ucinga ukuba abazali bafanele babafundise abantwana babo ukuthanda uThixo, okanye abantwana bamele bazifundele?” Mlinde aphendule. Mbonise iphepha elingasemva leMboniselo kaDisemba 1, nize nixubushe kunye umbandela ongaphantsi kombuzo wokuqala nesibhalo esinye ubuncinane kwezo zibonisiweyo. Mnike imagazini, uze ulungiselele ukubuyela ukuze nixubushe umbuzo olandelayo.
IMboniselo Disemba 1
“Sityelele abantu ukuze sithethe ngoThixo. Siyazi ukuba wonke umntu unento ayicingayo ngoThixo. Ucinga ukuba abantu bathi uThixo ngamandla nje endalo angenazimvakalelo okanye ungumhlobo okhathalele umntu ngamnye? [Mlinde aphendule.] Le vesi yeBhayibhile isichazela ngolwalamano uThixo afuna sibe nalo kunye naye. [Funda uYakobi 4:8a.] Le magazini ithetha ngezinto ezintathu esinokuzenza ukuze sisondele ngakumbi kuThixo.”
Vukani! Disemba
“Sindwendwele ngokufutshane ngenxa yengxaki yempilo echaphazela abantu abaninzi. Ngokutsho kweWorld Health Organization, umntu omnye kwabane ngaxa lithile uza kuphazamiseka engqondweni, mhlawumbi adandatheke. Ucinga ukuba baye besiba baninzi abantu abaphazamisekileyo engqondweni? [Mlinde aphendule.] IBhayibhile isinika ithemba lokuba kungekudala emhlabeni akuyi kubakho ukugula neentlungu. [Funda iSityhilelo 21:3, 4.] Le magazini ithetha ngezinto ezimbalwa abantu abafanele bazazi ngokuphazamiseka kwengqondo.”