IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 8/13 iphe. 4
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
  • Amanqaku Afanayo
  • Isuka Phi Iholide Ekuthiwa YiHalloween?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Inyani NgeHalloween
    Vukani!—2013
  • Inyaniso Ngemibhiyozo Ethandwayo
    Vukani!—2001
  • Imibhiyozo Ethandwayo—Ngaba Kukuzonwabisa Okungenabungozi?
    Vukani!—2001
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
km 8/13 iphe. 4

Iintshayelelo Zamaphephancwadi

Ukuze Uqalise Izifundo ZeBhayibhile KuMgqibelo Wokuqala KaSeptemba

“Molweni. Sityelele abantu abatshatileyo ukuze sibanike amacebiso anokubanceda ukuze umtshato wabo uphumelele. Wena ucinga ukuba yiyiphi eyona nto eyenza kungabi mnandi emtshatweni?” [Mvumele aphendule.] Mbonise iphepha lokugqibela leMboniselo kaSeptemba 1 nize nixubushe inkcazelo engaphantsi kombuzo wokuqala, nize nifunde nezibhalo. Mnike la maphephancwadi uze ulungiselele ukubuyela ukuze niphendule umbuzo olandelayo.

IMboniselo kaSeptemba 1

“Sinityelele kuba abantu abaninzi bazibuza isizathu sokuba uThixo avumele ukubandezeleka okungaka. Ngaba wena wakha wazibuza? [Mvumele aphendule.] Sibangel’ umdla isithembiso seBhayibhile sokuba kuza ixesha apho ukuzila neentlungu zingazukubakho. [Funda iSityhilelo 21:4.] Eli phephancwadi lihlola izizathu ezihlanu zokuba kukho ukubandezeleka okungaka. Likwachaza noko ithi iBhayibhile kuza kwenziwa nguThixo ukuze aphelise ukubandezeleka.”

UVukani! kaSeptemba

“Sizokuncokola nawe ngeholide yeHalloween ethandwayo. Abanye baye bakhetha ukungayibhiyozeli, ngenxa yezilumkiso ezifana nesi siseBhayibhileni. [Funda iLevitikus 19:31.] Abanye abantu abakholelwa kwimimoya engendawo yaye iHalloween bayijonga njengengenabungozi. Uthini wena ngayo? [Mvumele aphendule.] Eli phephancwadi lichaza imvelaphi yayo engentlanga.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share