Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile KuMgqibelo Wokuqala KaOktobha
“Sityelela abamelwana bethu namhlanje. Abaninzi esiye sathetha nabo bathi eyona nto inzima ekuye kwafuneka bajamelane nayo, kukufelwa ngumntu abamthandayo. Ngaba nawe uvakalelwa ngolo hlobo? [Mvumele aphendule.] Le ncwadi ndiyifumanise iluncedo.” Mbonise iphepha lokugqibela leMboniselo kaOktobha 1 nize nixubushe inkcazelo engaphantsi kombuzo wokuqala, nifunde nezibhalo. Mnike la maphephancwadi uze ulungiselele ukubuyela ukuze niphendule umbuzo olandelayo.
IMboniselo kaOktobha 1
“Sityelela abantu ngokufutshane ukuze sibakhuthaze bafunde iBhayibhile. Siyazi ukuba abanye abantu banawo umdla eBhayibhileni kanti abanye abanawo. Wena, ngaba unawo? [Mvumele aphendule.] IBhayibhile ithetha oku ngayo [Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 2:13.] Ndiqinisekile ukuba uyavuma ukuba simele siyifunde iBhayibhile, ukuba iyincwadi evela kuThixo. Eli phephancwadi lithi gqabagqaba ngezinto eziseBhayibhileni nangesizathu sokuba sifanele sibe nomdla kuyo.”
UVukani! kaOktobha
“Ndingathanda ukuva uluvo lwakho ngalo mbuzo: Ngaba sinako ukwanela xa sinezinto ezimbalwa? [Mvumele aphendule.] Khawuve ukuba ithini iBhayibhile. [Funda eyoku-1 kuTimoti 6:8.] Eli phephancwadi libonisa indlela efanelekileyo yokujonga izinto esinazo lize lithethe nangezinto ezintathu ezingenakuthengwa ngemali.”