Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
Ukuze Uqalise Izifundo ZeBhayibhile kuMgqibelo Wokuqala KaOktobha
“Ndiqinisekile ukuba uyavumelana nam xa ndisithi ubomi bufutshane. Ucinga ukuba izigulo ziya kuze ziphele size sikwazi ukuba nobomi obude? [Mlinde aphendule.] Phawula ukuba kuthiwani apha.” Nika umninimzi iMboniselo kaOktobha 1, nize nixubushe kunye inkcazelo ephantsi komxholwana wokuqala kwiphepha 16 kunye nesibhalo esilapho. Mnike amaphephancwadi, uze ulungiselele ukubuyela ukuze nixubushe umbuzo olandelayo.
IMboniselo Oktobha 1
“Sincokola nabantu ngolwando lorhwaphilizo kumashishini nakurhulumente. Ucinga ukuba ikho into enokwenziwa ngale ngxaki? [Mlinde aphendule.] Phawula ukuba kuthiwani apha ngoko uYesu aya kukwenzela amaxhoba orhwaphilizo. [Funda INdumiso 72:12-14.] Eli phephancwadi libonisa indlela urhwaphilizo oluya kuphela ngayo.”
Vukani! Oktobha
“Abazali abaninzi bafuna abantwana babo bafumane eyona mfundo. Ucinga ukuba abaselula abasandul’ ukuphuma esikolweni bakulungele ukujamelana neengxaki zobomi? [Mlinde aphendule.] Phawula ukuba ithini iBhayibhile ngokubaluleka kokuba nolwazi nobulumko. [Funda INtshumayeli 7:12.] Eli phephancwadi linamacebiso amahlanu okunceda abantwana baphumelele esikolweni.”