IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 9/14 iphe. 4
  • Iintshayelelo Onokuzisebenzisa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
  • Amanqaku Afanayo
  • Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
  • Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
km 9/14 iphe. 4

Iintshayelelo Onokuzisebenzisa

Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile KuMgqibelo Wokuqala KaOktobha

“Sityelela abamelwane bethu ukuze sithethe nabo ngorhulumente olungileyo. Ucinga ukuba ukho urhulumente onokukwazi ukulungisa iingxaki ezendeleyo, njengogonyamelo nokungabikho kokusesikweni?” Mlinde aphendule. Khumbuza umninimzi ukuba kuMthandazo weNkosi, uYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandazele loo rhulumente, uBukumkani bukaThixo, ukuba buze. Mbonise iphepha elingasemva leMboniselo kaOktobha 1, nize nixubushe kunye umbandela ongaphantsi kombuzo wokuqala nesibhalo esinye ubuncinane kwezo zibonisiweyo. Mnike imagazini, uze ulungiselele ukubuyela ukuze nixubushe umbuzo olandelayo.

IMboniselo kaOktobha 1

“Sincokola nabamelwane bethu ngala mazwi omthandazo uYesu awawufundisa abalandeli bakhe. [Funda uMateyu 6:9, 10.] Ngaba wakha wachazelwa ukuba yintoni uBukumkani bukaThixo, nesizathu sokuba uYesu wayesoloko ethetha ngabo xa efundisa? [Mlinde aphendule.] Le magazini ibonisa oko kuthethwa yiBhayibhile ngoBukumkani bukaThixo, kunye nezinye zeentsikelelo obuza kuzizisa emhlabeni.”

UVukani! kaOktobha

“Sibonisa abantu impendulo yalo mbuzo. [Mbonise umxholo wale magazini.] Ngaba ucinga ukuba umntu umele abe sisityebi ukuze aphumelele? [Mlinde aphendule.] IBhayibhile isibonisa indlela yokubeka izinto eziphathekayo kwindawo yazo. [Funda uLuka 12:15.] Ngokutsho kweBhayibhile, impumelelo yokwenene inokufunyanwa nguye nabani na. Le magazini iyachaza.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share