IKingdom News No. 38 Iza Kuhanjiswa NgoNovemba!
1. Abantu bazibuza ntoni ngabafi yaye le mibuzo iza kuphendulwa njani ngoNovemba?
1 Ukufa lutshaba labo bonke abantu kungakhathaliseki ukuba bakholelwa entwenini. (1 Kor. 15:26) Abantu abaninzi bayazibuza ukuba baphi abafileyo yaye abazi enoba baya kuze baphinde bababone. Ngenxa yoko, onke amabandla ehlabathini aza kusasaza iphecana iKingdom News No. 38 elinomxholo othi “Ngaba Abafi Bangaphinda Baphile Kwakhona?” Eli phulo likhethekileyo liza kuqalisa ngoNovemba 1. Emva kweli phulo, le Kingdom News No. 38 iza kuhanjiswa entsimini njengephecana.
2. IKingdom News No. 38 yenziwe njani?
2 Indlela Elenziwe Ngayo: IKingdom News No. 38 yenziwe ngohlobo lokuba uyisonge ukuze ubonakale umxholo obangela umdla nombuzo othi “Ubunokuphendula uthini. . . ewe? hayi? mhlawumbi?” Xa umntu elijonga ngaphakathi eli phecana, uya kufunda ukuba iBhayibhile iwuphendula njani umbuzo ongumxholo nokuba isithembiso sayo sithetha ntoni kuye. Kwakhona, uya kufunda nezizathu zokuba enokuyikholelwa iBhayibhile. Ngasemva kule Kingdom News kukho umbuzo obangel’ umdla oza kumenza umntu acinge aze afune ukufunda okungakumbi.
3. Iza kuhanjiswa njani iKingdom News No. 38?
3 Iza Kuhanjiswa Njani: Iza kuhanjiswa ngendlela efanayo naxa kusasazwa izimemo zeSikhumbuzo nezendibano yesithili. Abadala baya kuchaza indlela eza kusetyenzwa ngayo intsimi, ngokuvisisana nemiyalelo ekwileta ka-Aprili 1, 2013. Amabandla anentsimi encinane anokuncedisa amabandla akufutshane anentsimi enkulu. Xa uphaka isixa seKingdom News No. 38, nceda uthathe kuphela oza kuzihambisa kulo veki. Emva kwephulo lokuzihambisa kwindlu ngendlu, zinokuqhubeka zisasazwa nakwezinye iindawo. Ukuba zihanjiswe zaphela ngaphambi kokuba iphele inyanga, kunokuhanjiswa uncwadi lwaloo nyanga. KuMgqibelo wokuqala enyangeni asizukuqalisa izifundo zeBhayibhile, kunoko siza kuqalisa iphulo elikhethekileyo. Ngeempela veki sinokuwahambisa amaphephancwadi xa sinako. Ngaba uza kuwenza amalungiselelo ukuze ube nenxaxheba ngokupheleleyo kweli phulo likhethekileyo?