Iphulo Lokubhengeza ISikhumbuzo Liqala NgoMatshi 1
1. Liza kuqala nini iphulo lokubhengeza iSikhumbuzo, yaye kutheni liza kuthath’ ixesha elide kulo nyaka?
1 NgoLwesihlanu, ngoMatshi 1, siza kuqalisa iphulo laminyaka le lokumemela abantu eSikhumbuzweni. ISikhumbuzo siza kuba ngoMatshi 26, nto leyo etheth’ ukuba eli phulo liza kuthath’ ixesha elide kunokuba bekunjalo kwiminyaka edlulileyo. Oku kuza kuvulela ithuba lokuba babe baninzi abantu abafumana isimemo, ngokukodwa ukuba bahlala kwindawo enebandla elinentsimi enkulu.
2. Ngawaphi amalungiselelo aza kwenziwa okukhutshwa kwezimemo nokugubungela intsimi?
2 Ukuzilungiselela: Abadala baza kusalathisa ngendlela esiza kuyigubungela ngayo intsimi yethu, kuquka enoba isimemo siza kusishiya kusini na kwizindlu ezingenabantu. Ukuba izimemo zisasele emva kokuba sele kuyiwe kwindlu ngendlu, zinokusasazwa nakumsebenzi wasesitratweni. Umveleli wenkonzo uya kuqiniseka ukuba ubeka izimemo ezisele zibhaliwe kwikhawuntara yeencwadi ukuze abavakalisi bazifumane, kodwa izimemo azizi kukhutshwa zonke ngaxeshanye. Sifanele sithathe kuphela isixa esiza kusisebenzisa ngaloo veki.
3. Yintoni esifanele siyikhumbule xa sihambisa isimemo?
3 Siza Kuthini? Kuya kuba kuhle ukuba sibethe koomofu, kuba oko kuza kusenza sihambise izimemo ezininzi. Iphepha 4 linomzekelo wendlela esinokuyisebenzisa ukuhambisa esi simemo. Kakade ke, akuyomfuneko ukuba sikhawuleze sihambe ukuba umninimzi unobubele yaye unemibuzo. Xa sisasaza izimemo ngeempelaveki, sinokuhambisa namaphephancwadi xa kufanelekile. Usuku olukhethekileyo lwamaphephancwadi luza kube lungoMatshi 2, ngenxa yoko asizi kucela zifundo ngaloo Mgqibelo kodwa siza kube sihambisa izimemo kunye namaphephancwadi.
4. Kutheni sifanele sizimisele ukuba nenxaxheba kweli phulo?
4 Sinethemba lokuba baninzi abantu abaza kuza eSikhumbuzweni. Intetho iza kusichazela ukuba ngubani ngokwenene uYesu. (1 Kor. 11:26) Iza kusichazela indlela ukufa kwakhe okusinceda ngayo. (Roma 6:23) Yaye iza kubalaselisa isizathu sokuba sifanele simkhumbule. (Yoh. 17:3) Masizimisele sonke ukuba nenxaxheba kweli phulo!