Amava
◼ EOstreliya: UJohn, indoda eyayifundile ikhule ihamba icawa kodwa ekukhuleni kwayo yaye “ayakholelwa kwaphela ukuba uThixo ukho.” Omnye uvulindlela wayishiyela incwadana ethi Was Life Created? waza kutyelelo lwesibini wayishiyela enye incwadana ethi Origin of Life. Lo vulindlela waqhubeka ewuhlakulela umdla wale ndoda ngokumane eyiphathela iimpapasho ezintsha ezinamanqaku athetha ngendalo okanye iziprofeto zeBhayibhile. Xa lo vulindlela wabona ukuba uJohn sele elungile, waye wamnika incwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? Akuba eyifundile, uJohn wathi ngoku uyakholelwa ukuba uThixo ukho, “qha akaqondi ukuba ukho umntu onokumazi.” Kamva lo vulindlela wambonisa incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile baza bafunda kwisiqendu 8 esikwiphepha 20 kunye neziqendu 13-16 ezikwiphepha 23-24. IZibhalo ezazicatshuliwe zamchukumisa uJohn kangangokuba wathi, “Mhlawumbi kuza kufuneka ndikhe ndiyifunde iBhayibhile.”
◼ EMexico: Enye indoda yaxelela umvakalisi ukuba ayikholelwa ukuba iBhayibhile iphefumlelwe nguThixo. Lo mvakalisi waye wacela ukuyibonisa ubungqina bokuba iBhayibhile iphefumlelwe. Emva kokuba bencokole, intliziyo yale ndoda yachukumiseka koko yayikufunda eBhayibhileni. Eyona nto yayichukumisayo, yaba kukufunda ngemilinganiselo kaThixo. Le ndoda yathi kulo mvakalisi: “Xa besiqala ukufunda, iBhayibhile bendiyithatha njengenye yeencwadi eziqhelekileyo ibe oko besikufunda bekungandichaphazeli nganto. Kodwa njengokuba siyifunda ngoku, ingakumbi xa sifunda ngendlela yokuziphatha, intliziyo yam iba buhlungu.”
◼ EUnited States: Xa sasishumayela kwisixeko esikhulu, esinye isibini esitshatileyo sadibana nebhinqa laseTaiwan elalikholelwa kuThixo kodwa lisithi iBhayibhile yincwadi yabantu baseNtshona. Xa lasondela kwindawo esi sibini esasibeke kuyo iincwadi zaso, eli bhinqa laziva lididekile nangona lalibonakala linayo yonke into. Lalinethemba lokuba iBhayibhile yayiza kulinceda lifumane injongo yobomi. Esi sibini saqalisa ukufunda nalo incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile kunye nencwadana ethi Peace and Happiness—How to Find Them. Endaweni yokuba baqale kwisahluko 2 kuloo ncwadi, bafunda kwicandelo elithi “A Guidebook for the Blessing of All Mankind.” Emva kokuba befunde iziqendu ezintandathu zokuqala kwelo candelo, elibhinqa labaxelela indlela elimangaliswe ngayo ngumahluko iBhayibhile enawo xa liyithelekisa nezinye iincwadi zecawa. Emva kokuba lifunde ngendlela iziprofeto zeBhayibhile ezizaliseka ngayo, lathi, “Ndicinga ukuba ayikho incwadi echane ukodlula iBhayibhile!”
◼ EJapan: Nangona ekuqaleni umninimzi waxelela umvakalisi ukuba akakholelwa kuThixo, umvakalisi waqhubeka esiya kuye baze bafunde amanqaku kaVukani! athi “Ngaba Yadalwa?” Njengokuba ixesha lihamba, le ndoda yatshintsha indlela eyayicinga ngayo yaza yavuma ukuba kusenokwenzeka uMdali ukho. Ngoku iyakholelwa ukuba uThixo ukho, yaye ngoku lo mvakalisi uyifundela incwadana ethi Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!
◼ EKhanada: Udade wanika Ibhinqa elaliphuma endlwini yalo lisiya emotweni iimagazini ezazihanjiswa kuloo nyanga. Xa lo dade ebuyela, wafika eli bhinqa lingenamdla lisithi alikholelwa kuThixo. Lo dade akazange ancame kunoko waliphathela incwadana ethi A Satisfying Life—How to Attain It. Waphinda wabuyela kweli bhinqa waza walifumana, walixelela ukuba nangona esazi ukuba alikholelwa kuThixo, ebecinga ngalo kuba lingumzali oyedwa. Umvakalisi walibonisa isiqendu-6 esikwiphepha-4 kule ncwadana, esithetha ngendlela yokufumana amacebiso amahle. Lo mvakalisi walikhuthaza ukuba lifunde isifundo-2 esithetha ngendlela yokukhulisa abantwana. Lavuya kakhulu laza layamkela.