Ukuphucula Ubuchule Bethu Entsimini—Ukubhala Ingxelo Yabantu Abanomdla
“Zilumkele wena nemfundiso yakho.” (1 Tim. 4:16) Esi siluleko siphefumlelweyo sikampostile uPawulos siya kuTimoti sibonisa ukuba, enoba sibatsha okanye kudala sisenyanisweni sifanele sizimisele ukwenza inkqubela. Ungcelele olutsha kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani olunomxholo othi “Ukuphucula Ubuchule Bethu Entsimini” luza kusinceda senze kanye loo nto. Mxholo ngamnye uza kuthetha ngobuchule balo nyanga kunye namacebiso ngendlela yokukwenza oku. Ebudeni benyanga leyo siyakhuthazwa ukuba sisebenzise obo buchule. Ekupheleni kwenyanga, kwenye yeentetho zeNtlanganiso Yenkonzo siya kucelwa ukuba sigqabaze ngendlela okusincede ngayo ukusebenzisa obo buchule. Kule nyanga sikhuthazwa ukuba sibabhale phantsi abo banomdla.
Kutheni Kubalulekile: Ukuze sizalisekise uthumo lwethu, asipheleli nje ekushumayeleni. Sifanele sibuyele kwabo banomdla size sibafundise, sinkcenkceshele imbewu yenyaniso esiyityalileyo. (Mat. 28:19, 20; 1 Kor. 3:6-9) Oku kufuna ukuba sifumane loo mntu, sithethe ngezinto ezimxhalabisayo sisakhela kwizinto ebesincokole ngazo kwixesha elidlulileyo. Ngoko ke, xa sifumana umntu onomdla kufuneka sizibhale phantsi zonke iinkcukacha.
Zama Oku Ebudeni Benyanga:
Xa ubhala iinkcukacha zomntu onomdla, xelela umvakalisi ohamba naye ngoko ukubhalayo.