Zisebenzise Kakuhle Iimagazini Ezindala
Ekubeni iimagazini ezindala zingancedi mntu xa zigcinwa okanye zilahlwa, sifanele sizame ukuzihambisa. Imagazini inokuvuselela umdla emntwini othile ize imenze abize egameni likaYehova. (Roma 10:13, 14) Nanga amanye amacebiso okusebenzisa kakuhle iimagazini ezindala.
Xa sishumayela kwintsimi engasetyenzwa rhoqo, mhlawumbi kumakhaya angenabantu, singashiya iimagazini kwiindawo ezingenakubonakala lula kuzo kubantu abagqithayo.
Xa ushumayela esidlangalaleni njengakwindawo ekuma kuyo iibhasi okanye esitishini sikaloliwe, buza abantu ukuba abanakuthanda na ukufumana into efundwayo, ubabonise iimagazini ezindala ukuze bazikhethele.
Xa uye kwiindawo ekuhlanjwa kuzo impahla, kumakhaya abantu abalupheleyo, kumaziko empilo okanye kwezinye iindawo ezifana nezi ezikwintsimi yebandla lakho, shiya iimagazini ezindala ezimbalwa kwiindawo zokulinda. Kodwa kuhle ucele imvume kuqala emntwini ophetheyo xa ekho. Ukuba sele zikho iimagazini, ungashiyi ezingakumbi.
Xa ulungiselela ukubuyela, cinga ngezinto anomdla kuzo umntu obuyela kuye. Ngaba unentsapho? Ngaba uyakuthanda ukukhenketha? Ngaba uyakuthanda ukulima? Khangela amanqaku angathanda ukuwafunda kwiimagazini ezindala uze umbonise xa ubuyela kuye.
Xa ufumene umntu onomdla obuyele kuye izihlandlo eziliqela kodwa wafika engekho, mbonise iimagazini ezindala angakhange azifumane.