Sebenzisa IWebhsayithi Yethu Entsimini—“Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa”
Inxalenye ethi “Iimfundiso ZeBhayibhile” ekwi-jw.org/xh inendawo ethi “Imibuzo Yebhayibhile Iyaphendulwa.” Ukuba sibuzwa le mibuzo idla ngokubuzwa, sinokubanceda abaninimzi bafumane iimpendulo ezisuka eZibhalweni ngokusebenzisa iWebhsayithi yethu. Sinokusebenzisa kwale mibuzo ukuze siqalise incoko entsimini. Sinokukhetha umbuzo abanomdla kakhulu kuwo abantu abakwingingqi yethu, sicele imbono yabo, size sibabonise oko kuthethwa yiBhayibhile sisebenzisa impendulo ekwi-jw.org/xh. Emva koko, sinokubachazela apho siyifumene khona loo nkcazelo. Ukanti, sisenokubafundela impendulo yombuzo wabo ngqo kwiWebhsayithi. Unkosikazi womnye umveleli ohambahambayo udla ngokuncedwa kukuthi: “Abantu abaninzi bayazibuza, ‘Ngaba Ukubandezeleka Kwethu Kubangelwa NguThixo?’ Ngaba ungathanda ukuva impendulo yalo mbuzo kwimizuzwana nje eyi-51?” Emva koko, uye amdlalele impendulo yalo mbuzo ayidawunlowudileyo kwifowuni yakhe. Uye aqukumbele ngokutshayelela isahluko 11 sencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile.