Iingoma Zokunqula Ezintsha!
1 Kwintlanganiso yonyaka yakutshanje yeWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania, ebingo-Oktobha 4, 2014, kwaziswe ukuba kwenziwa amalungiselelo okuhlaziya iculo lethu. Ibiyimincili yodwa ukuva eso saziso! Bonke ebebekho baye bakhunjuzwa ngokubaluleka kweengoma zoBukumkani kunqulo lwethu.—INdu. 96:2.
2 Usenokuba uyazibuza, ‘Kutheni kufuneka iculo lihlaziywe?’ Kukho izizathu eziliqela. Okokuqala, ukuqonda kwethu iZibhalo kuqhubeka kuhlaziywa ibe oko kunokuchaphazela amazwi eengoma zethu. (IMize. 4:18) Esinye isizathu kukuba, amabinzana namazwi akwiculo elikhoyo athatyathwe kuhlelo oludluleyo lweNguqulelo Yehlabathi Elitsha. Loo mazwi kufuneka atshintshwe ukuze ahambisane nalawo akwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha ehlaziyiweyo. Ekubeni ingumsebenzi omkhulu ukutshintsha nokuhlaziya la mazwi, kuye kwagqitywa ekubeni kongezwe iingoma ezintsha ezimbalwa.
3 Ngaba kuza kufuneka silinde kuprintwe iculo elitsha ngaphambi kokuba sizisebenzise ezi ngoma zintsha? Akunjalo. Kuluvuyo ukunazisa ukuba ebudeni beenyanga ezizayo, kukho iingoma eziliqela eziza kufakwa kwiWebhsayithi yethu u-jw.org/xh. Xa kufakwe ingoma entsha kwiwebhsayithi, iza kubhalwa “ingoma entsha” ize iculwe ekupheleni kweNtlanganiso Yenkonzo.
4 Indlela Yokufunda Iingoma Ezintsha: Akukho lula ukufunda ingoma entsha. Sekunjalo, kanye njengomdumisi, sifuna ukucula kwiintlanganiso zebandla ‘singathi cwaka.’ (INdu. 30:12) Ukuze ufunde ingoma entsha, enza oku kulandelayo.
Phulaphula ipiyano erekhodiweyo eza kufakwa kwiWebhsayithi. Xa uqhubeka uphulaphula isandi sayo, kuya kuba lula ukuyikhumbula.
Wafunde kakuhle amazwi uze uzame ukuwankqaya.
Cula amazwi kunye nepiyano. Kwenze oku ude uyazi kakuhle ingoma.
Qheliselani ezi ngoma zintsha izihlandlo eziliqela kuNqulo Lwentsapho ide intsapho yonke izazi.
5 Kwiinyanga ezizayo, xa kukho ingoma entsha eza kuculwa ekupheleni kweNtlanganiso Yenkonzo, ibandla liya kuphulaphula ipiyano kube kanye. Emva koko liya kuyicula ingoma kunye nepiyano, kanye njengoko sisenza kwezinye iingoma.
6 Eyona nto imnandi ngokucula kwiintlanganiso kukuba kusinika uvuyo lokudibanisa amazwi ethu sidumise uYehova. Ngenxa yoko, asifanele sikwenze umkhwa ukuphakama sihambe xa kuza kuculwa ingoma ezintlanganisweni.
7 Ikho nenye indlela esinokubonisa ngayo uxabiso ngeengoma zokunqula. Kwiindibano, kukho umculo odlalwayo ngaphambi kokuba kuqale ucwangciso. Kabini ngonyaka, abazalwana noodade abazinikeleyo abasuka mbombo zone zomhlaba basebenzisa imali yabo ukuya ePatterson, eNew York, ukuze benze umculo omnandi esiwusebenzisa xa sinqula. Ngenxa yoko, xa usihlalo wendibano esicela ukuba sihlale phantsi size siphulaphule lo mculo, sifanele sikwenze oko. Ukwenza oku kuya kusinceda silungise iintliziyo zethu zilungele inkcazelo eza kulandela.—Ezra 7:10.
8 Ekupheleni kweentlanganiso namhlanje, siza kucula enye yeengoma zethu ezintsha enomxholo othi “The Kingdom Is in Place—Let It Come!” Ukuba aninandlela yakuyifumana le ngoma kwi-jw.org, makuculwe ingoma 108, enomxholo othi “Dumisani UYehova Ngenxa YoBukumkani Bakhe.” Le ngoma, ebidlalwe kwintlanganiso yonyaka yakutshanje, yenziwe ngokukhethekileyo ukuphawula iminyaka eyi-100 uBukumkani buzelwe.
9 Ezi ngoma zintsha ngokuqinisekileyo ‘zizinto ezilungileyo’ ezivela kuYehova. (Mat. 12:35a) Masizimisele ukufunda ezi ngoma zintsha size sizicule ngokusuk’ entliziyweni, simdumise ngokufanelekileyo uThixo wethu!—INdu. 147:1.