Icebiso Lezinto Onokuzifunda
Zazi Ngentloko “Iingoma ZoBukumkani”
“Xa ndityhafile uYehova undikhuthaza ngeengoma ezikuJW Broadcasting.”—ULorraine waseUnited States.
AmaKristu ebesoloko ecula iingoma zokudumisa uThixo. (Kol. 3:16) Xa uzifunda uze uzazi ngentloko, ziza kukunceda naxa ungenaculo okanye isixhobo se-elektroniki. Khawuzame la macebiso anokukunceda ukwazi ukuyenza le nto.
Wafundisise amazwi engoma ukuze uqonde ukuba athetha ukuthini. Kulula ukuyikhumbula into xa uyiqonda ukuba ithetha ukuthini. Amazwi azo zonke iingoma zeJW Broadcasting nezabantwana akhona ku-jw.org/xh. Yiya kwindawo ethi “ILaybrari,” uze ungene kwethi “Umculo.”
Bhala amazwi ephepheni. Le nto iza kukunceda abetheleleke amazwi engqondweni yakho.—Dut. 17:18.
Cula ngokuvakalayo. Phindaphinda ukuyifunda okanye ukuyicula ingoma.
Zijonge ukuba uyikhumbula kangakanani. Zama ukukhumbula amazwi engoma ungajonganga ephepheni ukuze ubone ukuba uyazi kangakanani ngentloko.