IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 7/15 iphe. 2
  • Ibhokisi Yemibuzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ibhokisi Yemibuzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2015
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukusebenzisa I-Internet—Ziphaphele Iingozi!
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1999
  • Ibhokisi Yemibuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • Iindlela Zokushumayela Iindaba Ezilungileyo
    Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
  • Buyela Ngokukhawuleza
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2015
km 7/15 iphe. 2

Ibhokisi Yemibuzo

◼ Ngaba abavakalisi bafanele bashumayele ngeintanethi okanye bafunde nomntu ohlala kwelinye ilizwe besebenzisa yona?

Abanye abavakalisi baye basebenzisa i-Intanethi ukuze bafumane izifundo zeBhayibhile kwamanye amazwe apho umsebenzi wethu usemiqathangweni okanye apho kukho abavakalisi abambalwa. Kwezinye iimeko, kuye kwabakho imiphumo emihle. Noko ke, kuyingozi ukushumayela ngeintanethi kubantu ongabaziyo. (Jonga uBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJulayi 2007, iphe. 3.) Nangona injongo ikukufikelela abaneentliziyo ezinyanisekileyo ngesigidimi soBukumkani, iincoko ezinjalo zinokwenza umzalwana okanye udade angene kunxulumano olubi de athethe nabawexuki. (1 Kor. 1:19-25; Kol. 2:8) Ngaphezu koko, kumazwe apho umsebenzi wethu usemiqathangweni okanye apho uvaliweyo, unxibelelwano lunokubekwa esweni ngabasemagunyeni. Unxibelelwano olunjalo lunokufaka abazalwana noodade abakuloo mazwe engxakini. Ngoko ke, abavakalisi abafanele bashumayeze abantu abakwamanye amazwe ngeintanethi.

Ngaphandle kokuba salathiswe ngenye indlela yiofisi yesebe yasekuhlaleni, ukuba sishumayela ngokungacwangciswanga kumntu esingamaziyo otyeleleyo osuka kwelinye ilizwe, masingazami ukuhlakulela umdla wakhe xa sele ebuyele ekhaya. Kunoko, sinokumbonisa indlela anokusebenzisa ngayo u-jw.org ukuze afumane okungakumbi okanye simcele afowunele iofisi yesebe yelizwe lakhe. Kwakhona sinokumkhuthaza ukuba aye kwiHolo yoBukumkani ekufutshane nendawo ahlala kuyo. Ewe kona, azikho iiHolo zoBukumkani kwamanye amazwe. Ukuba unqwenela ukutyelelwa lelinye lamaNgqina akwindawo ahlala kuyo, sinokumbonisa indlela yokuzalisa ifomu ethi Cela Ukufundelwa IBhayibhile eku-jw.org/xh. Iofisi yesebe enyamekela ilizwe lakhe iqhelene nezi meko ibe ingakwazi ukumnceda.—Jonga uBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJuni 2014, iphe. 7, nobukaNovemba 2011, iphe. 2.

Ukuba umntu esimbuyelayo uya kwelinye ilizwe okanye ukuba umntu esifunda naye ukwelinye ilizwe yaye simazi ngokusebenzisa i-Intanethi kuphela, sifanele silandele olu lwalathiso luchazwe ngasentla. Noko ke, sinokuqhubeka sihlakulela umdla de abavakalisi abakwilizwe lakhe bamtyelele. Ukuba lo mntu uhlala kwilizwe osemiqathangweni umsebenzi wethu kulo okanye uvaliwe, sifanele silumke xa sithetha ngemixholo yeBhayibhile eleteni, kwifowuni okanye sisebenzisa izixhobo ze-elektroniki.—Mat. 10:16.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share