IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/11 iphe. 2
  • Ibhokisi Yemibuzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ibhokisi Yemibuzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Buyela Ngokukhawuleza
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
  • Ibhokisi Yemibuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2015
  • Yintoni Eyenziwa Kwiofisi Yesebe?
    Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?
  • Ibhokisi Yemibuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2004
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
km 11/11 iphe. 2

Ibhokisi Yemibuzo

◼ Ngubani ofanele azalise isicelo soncwadi nesifakwa ngeIntanethi?

Uncwadi lwethu ludla ngokuba nezicelo ezinokuzaliswa zize zithunyelwe kwiofisi yesebe ukuze ubani acele uncwadi okanye ukundwendwelwa ngamaNgqina kaYehova. Ukongezelela, iWebhsayithi yethu ethi www.watchtower.org nayo inokusetyenziswa ukuze ubani acele isifundo seBhayibhile. La malungiselelo aye anceda abaninzi bafunda inyaniso. Sekunjalo, ziye zakho iingxaki xa abavakalisi beye basebenzisa ezi zixhobo belungiselela ukuba izihlobo zabo zifumane uncedo lokomoya.

Abanye abaye bafumana uncwadi oluvela kwiofisi yesebe bengalucelanga baye bakhalaza, bevakalelwa kukuba intlangano iyabahlupha yaye bacinga ukuba ibafake kuludwe oluthile elusebenzisayo ukuze ithumele izibhengezo zayo. Abavakalisi abaye bacelwa ukuba bandwendwele abantu abangakhange bazifake ngokwabo izicelo zokutyelelwa baye bazibona bekwimeko ebangela iintloni xa befika kumntu odikwayo kukufika kwabo. Ngoko ke, izicelo ezifakwe ngeWebhsayithi yethu okanye ezizaliswa ngesandla zimele zifakwe ngulowo unomdla buqu ingabi ngabavakalisi. Xa kuphawuleka ukuba isicelo esinjalo asifakwanga ngumntu onomdla, ngokuqhelekileyo siye singahoywa.

Ngoko ke, singasinceda njani isihlobo okanye isalamane ngokomoya? Ukuba uthanda sifumane uncwadi kutheni ungaluthumeli ngqo kuso njengesipho? Ukuba sinomdla yaye sinqwenela ukutyelelwa ngamaNgqina kodwa awazi indlela onokuqhagamshelana ngayo nabadala bebandla lasekuhlaleni, umele uzalise ifomu ethi Nceda Ubuyele (S-43) uze uyinike unobhala webandla oza kuyihlola aze ayithumele kwiofisi yesebe. (Onke amabandla afanele abe nesixa esaneleyo sale fomu.) Noko ke, ukuba umntu onomdla uvalelwe entolongweni, kwiziko labantu abebesebenzisa iziyobisi okanye esibhedlele, animele niqhagamshelane neofisi yesebe. Kunoko, ninokumkhuthaza ukuba aqhagamshelane nabazalwana abatyelela loo ndawo akuyo okanye yena abhalele iofisi yesebe.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share