UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | ISAYA 58-62
“Bhengeza Unyaka Wenkoliseko KaYehova”
“Unyaka wenkoliseko kaYehova” ayingonyaka wokoqobo
Lixesha lokunika kukaYehova abalulamileyo ithuba lokusabela kwisibhengezo sakhe senkululeko
Kwinkulungwane yokuqala, unyaka wenkoliseko waqala xa uYesu waqalisa ubulungiseleli bakhe ngo-29 C.E. waza waqhubeka de yaba ‘ngumhla wempindezelo’ kaYehova xa iYerusalem yatshatyalaliswayo ngo-70 C.E.
Ngemihla yethu, unyaka wenkoliseko, waqala ekubekweni kukaYesu etroneni ngowe-1914 ibe uza kuphela ngembandezelo enkulu
UYehova ubasikelela abantu bakhe ‘ngemithi emikhulu yobulungisa’
Eyona mithi mide ehlabathini idla ngokukhula kwihlathi elinye ize ixhasane
Kusenokwenzeka ukuba iingcambu ziyaphothana, zomelele ibe ziyanceda xa kukho iinkqwithela
Imithi emide iba ngumthunzi kuleyo mincinane yaye amagqabi awa kuyo achumisa umhlaba
Onke amalungu ehlabathi lonke ebandla lamaKristu ayangenelwa kwisondlo sokomoya esomelezayo nesilungiselelwa “yimithi emikhulu yobulungisa,” eyintsalela ethanjisiweyo