Imithi Eye Yajamelana Novavanyo Oluqatha Kangangexesha Elide
Iliwa lisenokungabonakali liyindawo efanelekileyo yokuzakhela ikhaya, ingakumbi ukuba liphezulu entabeni. Noko ke, phezu kwazo nje ezo meko zibonakala zinzima, eminye imithi ekhula ezintabeni eziphakamileyo yenyuka emaweni, ngesibindi ijamelane nengqele eqhaqhazelisa amazinyo yasebusika yaye inyamezele iimbalela zohlobo.
NGOKUQHELEKILEYO, le mithi iqinileyo ayikho mikhulu njengaleyo ikwiindawo ezikumazantsi. Iziqu zayo zinokugotywa ize ikhule ibe mifutshane kakhulu.Imile yaza yathenwa yimozulu engentle nangumhlaba ongumqwebedu ekhula kuwo.
Njengoko inyamezela iimeko ezinjalo kweminye yemihlaba elukhuni apha emhlabeni, unokucinga ukuba le mithi iphila ithuba elifutshane. Kodwa oko akunjalo. Abanye bathi umthi iMethusela, umthi wompayini, okhule waba ziimitha ezingama-3 000 ubude kwiWhite Mountains zaseKhalifoniya, uneminyaka engama-4 700 ubudala. IThe Guinnesss Book of Records 1997 ithi lo mthi ngowona umdala kwimithi ekhoyo kwisijikelezi-langa. UEdmund Schulman, owenza uhlolisiso ngale mithi midala, uthi: “Umthi wompayini . . . ubonakala ungowona ukwaziyo ukunyamezela ngenxa yobunzima ojamelana nabo. Yonke imithi [yompayini] emidala ekwiWhite Mountains ifumaneka imalunga neemitha ezingama-3 000 ubude kwiindawo ezomileyo, ezingumqwebedu zentlango.” USchulman ukwafumanise ukuba nezinye iintlobo zemithi emidala yompayini zikhula phantsi kweemeko ezingentle.
Nangona kufuneka ijamelane nobunzima obungaka, le mizekelo yonyamezelo izisebenzisa kangangoko iingenelo ezimbini enazo. Indawo ekhula kuyo ekwanti, apho kunqabileyo ukubona olunye uhlaza, le mithi iyakhuseleka kwimililo yamahlathi, esinye sezona zisongelo kwimithi esele ikhulile. Yaye iingcambu zayo zibambelela ngokuqinileyo ematyeni kangangokuba yinyikima kuphela enokuyisusa kuwo.
EBhayibhileni abakhonzi abathembekileyo bakaThixo bafaniswa nemithi. (INdumiso 1:1-3; Yeremiya 17:7, 8) Nabo banokujamelana nobunzima ngenxa yeemeko abazifumana bekuzo. Intshutshiso, impilo enkenenkene okanye ubuhlwempu obunganyamezelekiyo bunokuluvavanya ukholo lwabo, ingakumbi xa buthe gqolo unyaka nonyaka. Sekunjalo, uMdali wabo, owadala imithi ekwaziyo ukujamelana neemvavanyo kakuhle kangaka, uthembisa abakhonzi bakhe ukuba uya kubaxhasa. IBhayibhile ithembisa abo bakwaziyo ukujamelana neemvavanyo ukuba: ‘Uya kubaqinisa, uya kubomeleza.’—1 Petros 5:9, 10.
‘Ukwazi ukujamelana neemvavanyo, ukuhlala uqinile okanye ukuxhathisa’ yingcinga ekubhekiselwa kuyo sisenzi sesiGrike ngokufuthi esiguqulelwa eBhayibhileni ngokuthi “Ukunyamezela.” Njengale mithi ikhula kwiintaba eziphakamileyo, isiseko sethu ngoyena ndoqo wokunyamezela. Kwimeko yamaKristu, afanele abambelele ngokuqinileyo kuYesu Kristu ukuze akwazi ukuma eqinile. UPawulos wabhala: “Njengoko niye namamkela uKristu Yesu iNkosi, qhubekani nihamba ngokumanyene naye, nimiliselwe yaye nakhelwe kuye, nizinzisiwe elukholweni, kanye njengoko nafundiswayo, niphuphuma lukholo ninombulelo.”—Kolose 2:6, 7.
UPawulos wayiqonda imfuneko yokuba nesiseko esiqinileyo sokomoya. Yena ngokwakhe wayejamelene ‘neliva enyameni,’ yaye wanyamezela intshutshiso eqatha ngalo lonke ixesha lobulungiseleli bakhe. (2 Korinte 11:23-27; 12:7) Kodwa wafumanisa ukuba ngamandla kaThixo wayenokutyhalela phambili. Wathi: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.”—Filipi 4:13.
Njengoko umzekelo kaPawulos ubonisa, ukunyamezela okuphumelelayo komKristu akuxhomekekanga ekuvumeni kweemeko. Njengemithi ekhula kwiintaba eziphakamileyo enyamezela izaqhwithi ngokuphumelelayo kangangeenkulungwane, sinokuhlala siqinile elukholweni ukuba similiselwe ngokuqinileyo kuKristu yaye sixhomekeke kumandla esiwanikwa nguThixo. Ngaphezu koko, ukuba sinyamezela kude kube sekupheleni, sinethemba lokuzibonela ngawethu amehlo esinye sezithembiso zikaThixo esithi: “Njengemihla yomthi iya kuba njalo imihla yabantu bam.”—Isaya 65:22; Mateyu 24:13.