IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb18 Meyi iphe. 8
  • “Oko UThixo Akubophelele Ngedyokhwe Ndawonye . . . ”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Oko UThixo Akubophelele Ngedyokhwe Ndawonye . . . ”
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2018
  • Amanqaku Afanayo
  • Uqhawulo-mtshato—Ithini Ngokwenene IBhayibhile Ngalo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Kuhloniphe “Oko UThixo Akubophelele Ngedyokhwe Ndawonye”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2018
  • Uqhawulo-mtshato Luba Nawo Amaxhoba
    Vukani!—1991
  • Isivuno Esibi Soqhawulo-mtshato
    Vukani!—1992
Khangela Okunye
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2018
mwb18 Meyi iphe. 8
Umyeni nenkosikazi babambene ngesandla

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

“Oko UThixo Akubophelele Ngedyokhwe Ndawonye . . . ”

KuMthetho KaMoses indoda efuna ukuqhawula umtshato kwakufuneka ifumane isatifiketi sokuwuqhawula. Le nto yayisenzelwa ukuba abantu bangayiqhawuli njee imitshato yabo. Kodwa xa uYesu wayelapha emhlabeni, iinkokeli zonqulo zaziyenza ibe yinto engenamsebenzi ukuqhawula umtshato. Amadoda ayewuqhawula nokuba siyintoni isizathu. UYesu wabonisa ukuba umtshato umiselwe nguYehova. (Mar 10:2-12) Indoda nomfazi babeza kuba “nyama-nye” ixesha elingenasiphelo. IZibhalo zithi umntu wayevumelekile ukuba aqhawule umtshato xa omnye ‘ekrexezile.’​—Mat 19:9.

Abantu abaninzi namhlanje bawujonga umtshato ngendlela yabaFarisi. Xa kuvela iingxaki, sebecinga ngokuqhawula umtshato. Kodwa kumaKristu atshatileyo isifungo somtshato sibalulekile, kangangokuba xa kuvela iingxaki azama ukuzilungisa ngokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile. Emva kokubukela ividiyo ethi, Uthando Nembeko Zimanyanisa lintsapho, phendula le mibuzo:

  • Ufunda iBhayibhile; umyeni umamele inkosikazi yakhe xa iveza izimvo zayo; ifoto yomtshato ekrazukileyo

    Emtshatweni ungayisebenzisa njani IMizekeliso 15:1, ibe kutheni ibalulekile nje loo nto?

  • IMizekeliso 19:11 inokukunceda njani uphephe iingxaki?

  • Ukuba nineengxaki ezininzi emtshatweni, endaweni yokuzibuza, ‘Ndimele ndiwuqhawule?’ yiyiphi eminye imibuzo onokuzibuza yona?

  • UMateyu 7:12 angakunceda njani ube ngumyeni okanye umfazi olungileyo?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share