INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Ukuzinikela KuThixo Nokujima. Uthanda Eyiphi?
Ngaba ukujima kuyanceda? Ewe, kodwa akuncedi njengokwenza izinto eziqinisa ubuhlobo bakho noYehova. (1Ti 4:8) Ngoko amaKristu afanele angayithandi ngaphezu koThixo imidlalo.
BUKELA IVIDIYO YOOPOPAYI ETHI INTO OMELE UYAZI NGEMIDLALO, EMVA KOKO UPHENDULE LE MIBUZO:
1. Ziintoni esinokuzifunda kwimidlalo?
2. Ziziphi izinto ezintathu ezinokusinceda sibone ukuba yeyiphi imidlalo esilungeleyo?
3. Yintoni ethethwa yiNdumiso 11:5 enokusinceda siyikhethe kakuhle imidlalo emasiyibukele nemasiyidlale?
4. AmaFilipi 2:3 neMizekeliso 16:18 ingasinceda njani kwimidlalo?
5. Yintoni ethethwa ngamaFilipi 1:10 esinceda singachithi ixesha elininzi sibukele okanye sidlala imidlalo?