IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g96 4/8 iphe. 19-21
  • Ngaba Ndifanele Ndibe Ngomnye Weqela Lemidlalo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ndifanele Ndibe Ngomnye Weqela Lemidlalo?
  • Vukani!—1996
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Umele Uphumelele Nokuba Sekumnyam’ Entla?
  • Ukulalanisa Ngokokuziphatha
  • Ngaba Kukuqeqesha Umzimba Okanye Kukuwenzakalisa?
  • Ezinye Iimeko Omele Uziqwalasele
  • Ukwenza Isigqibo Sobulumko
  • Ngaba Ndifanele Ndibe Lilungu Leqela Labadlali Elimela Isikolo?
    Vukani!—1991
  • Imidlalo Yamaqela—Ngaba Indilungele?
    Vukani!—1996
  • Iingxaki Ngezemidlalo Namhlanje
    Vukani!—1991
  • Ukugcina Ezemidlalo Zikwindawo Efanelekileyo
    Vukani!—1991
Khangela Okunye
Vukani!—1996
g96 4/8 iphe. 19-21

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Ngaba Ndifanele Ndibe Ngomnye Weqela Lemidlalo?

“YINTONI ekhethekileyo ngokuba kwiqela lemidlalo?” lowo ngumbuzo okwinqaku lephephancwadi iSeventeen. Linikela impendulo eli nqaku lathi: “Nonke nisebenzela usukelo olufanayo, ngoko niba ngabahlobo abasenyongweni. Kwakhona ufunda ubuchule babanye abantu, njengendlela yokucombulula iingxaki njengeqela, indlela yokuba bhetyebhetye nokuba novelwano kunye nendlela yokukwazi ukuzilungelelanisa neemeko.”

Ngaloo ndlela, ukudlala imidlalo yamaqela kubonakala kuneengenelo, ezinye zazo eziluyolo nomthambo.a Bambi bade bathi ukudlala imidlalo yamaqela kunceda ubani abe nesimilo. Ngenxa yoko omnye umbutho wabaselula webaseball unesi saci, “Isimilo, Inkalipho, Ukunyaniseka.”

Ingxaki yeyokuba, imidlalo yamaqela ayisoloko ihambisana neengcamango ezibalasele ngolo hlobo. Incwadi ethi Kidsports ithi: “Kwezinye iimeko ulutsha oluthabatheka ngokukhawuleza lufunda ukuthuka, ukuqhatha, ukulwa, ukusongela nokwenzakalisa abanye.”

Ngaba Umele Uphumelele Nokuba Sekumnyam’ Entla?

Inqaku elikwiSeventeen lathi: “Emidlalweni kukho icala elingalunganga, apho abantu bathi bazibhokoxe ekuphumeleleni.” Oku kuphikisana ngokuthe ngqo namazwi eBhayibhile athi: “Masingazigwagwisi, sixhokonxa ukhuphiswano omnye nomnye, simonelana.” (Galati 5:26) Ngoxa ukhuphiswano lobuhlobo lunokongeza ekubangeleni umdla nasekunandiphekeni komdlalo, umoya wokhuphiswano ogqithiseleyo unokubangela ingxabano—uze uphelise uyolo lokudlala.

UJon owayesakuba ngumdlali webhola ekhatywayo kwisikolo semfundo ephakamileyo, ukhumbula oku: “Sasinomqeqeshi owayenenzondelelo yempambano; owayesoloko esenza isankxwe esingxolisa . . . Ndandisoyika ukuya kuqhelisela. . . . Ndandiziva ngathi ndikwinkampu yoxinaniso.” Nangona ingengabo bonke abaqeqeshi abaxhaphazayo, uninzi lwabo lugxininisa kakhulu ekuphumeleleni. Omnye umbhali waqukumbela ngelithi: “Abadlali abaninzi . . . bafikelela kwinqanaba laxa uvuyo lokukhuphisana lusiba ngumthwalo onzima ngenxa yokuziva benyanzelekile ukuba baphumelele.” Unokuba yintoni umphumo woku?

IScience News yanikela ingxelo ngohlolisiso olwatyhila ukuba phakathi kwabadlali bakwanokholeji bebhola ekhatywayo nebhola yomnyazi, “i-12 ekhulwini lanikela ingxelo ubuncinane kwimibandela emibini kwemihlanu: ukubandezeleka engqondweni, ukubandezeleka emzimbeni, ukuba nobunzima ekuphepheni ukusebenzisa iziyobisi notywala, impatho embi engokwasengqondweni nangokwasemzimbeni kunye nokungaqhubi kakuhle ezifundweni.” Ithetha ngombandela ofanayo, incwadi ethi On the Mark inikela le ngxelo: “Phantse wonk’ ubani okwimidlalo yeqela uyavuma ukuba kukho ingxaki yokusetyenziswa kweziyobisi ngendlela egabadeleyo kuyo nayiphi na imidlalo.”

Ukulalanisa Ngokokuziphatha

Kwakhona ukunyanzelwa ukuba uphumelele kunokubangela umdlali oselula alalanise kwimilinganiselo esengqiqweni yoko kufanelekileyo neyokunyaniseka. Incwadi ethi Your Child in Sports ithi: “Kwimidlalo yezi mini, ukuphumelela akuyonto nje ilungileyo; kuyeyona nto yamkelekileyo. Ukungaphumeleli akuyonto nje engafanelekanga, kodwa akuxoleleki.”

Esinye isibakala sokwenene ekunzima ukusamkela sesokuba: Abaqeqeshi basoloko bebeka abadlali kwingcinezelo engathethekiyo yokwenzakalisa abo badlala nabo. Inqaku elikwiPsychology Today lathi: “Ukuze ube yintshatsheli kwimidlalo, kufuneka ube krwada. Okanye oko koko abadlali abaninzi, abaqeqeshi kunye nabathandi bemidlalo bakukholelwayo.” Omnye umdlali webhola ekhatywayo ohlawulwayo uchaza ubuntu bakhe obuqhelekileyo “njengothethela phantsi, onolwazelelelo nonobuhlobo.” Kodwa xa esebaleni lemidlalo, uba ngumntu owahlukileyo. Echaza ubuntu bakhe xa esebaleni, uthi: “Ngelo xesha ndiba krwada . . . Ndiba yinjubaqa yokwenene. Andimkhathalel’ oku kokuqala umntu endiza kumbetha.” Abaqeqeshi basoloko bekhuthaza isimilo esinjalo.

IBhayibhile ikhuthaza amaKristu isithi: “Yambathani umsa onofefe wemfesane, ububele, ukuthobeka kwengqondo, ubulali, nokuzeka kade umsindo.” (Kolose 3:12) Ngaba unokuzihlakulela iimpawu ezinjalo ukuba mihla le ufumana ukhuthazo lokuba wenzakalise, uxangxathe uze ungxwelerhe abo udlala nabo? URobert oneminyaka elishumi eli-16 ubudala uvuma ngelithi: “Ndiye ndayidlala imidlalo yamaqela. Akukhathali nokuba ngubani omenzakalisayo logama nje uphumelela.” Ekubeni ngoku engumKristu obhaptiziweyo, iimbono zakhe zitshintshile. Uthi: “Andinakuze ndiphinde ndibuyele kuyo kwakhona.”

Ngaba Kukuqeqesha Umzimba Okanye Kukuwenzakalisa?

Enye into engamele ityeshelwe ziingozi ezenzekayo ezingokwasemzimbeni. Liyinyaniso elokuba, imidlalo ineengozi kwanaxa idlalwa kunye nabahlobo ngenjongo yokuziyolisa. Kodwa iingozi ziyanda ukuba ulutsha lufundiswa ukuba luzame ukusebenzisa ubuchule babadlali abahlawulwayo.

Incwadi ethi Your Child in Sports ithi: “Abadlali abahlawulwayo banokwenzakala. Kodwa banobuchule gqitha, banemizimba ephilileyo, ngabantu abakhulu abaqolileyo abakulungeleyo ukwenzakala yaye abafumana umvuzo oncumisayo ngenxa yoko. Ngaphezu koko, ngokuqhelekileyo bafumana okona kulungileyo, uqeqesho olukudidi oluphezulu, ezona zinto zifanelekileyo zokudlala nonyango lwezamayeza olusemagqabini. . . . Abantwana besikolo abazifumani iingenelo ezinjalo.” AmaKristu ayalelwa ukuba ‘anikele imizimba yawo ibe yimibingelelo ephilayo, engcwele, eyamkelekileyo kuThixo.’ (Roma 12:1) Ngaba akufanele ukuqwalasele ngobulumko ukunikela umzimba wakho kwiingozi ezingeyomfuneko nezingekho ngqiqweni?

Ezinye Iimeko Omele Uziqwalasele

Kwanaxa iingozi zempilo zibonakala zincinane, imidlalo yamaqela isadla ixesha. Amaxesha okuqhelisela akanciphisi nje kuphela ixesha lakho lokuzonwabisa kodwa anokuthabatha ixesha elininzi kwelifanele libekelwe bucala ukufunda nokwenza umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya. IScience News yanikela ingxelo yokuba abadlali basekholejini badla ngokufumana “amanqaku aphantsi” kunabanye abafundi abaye babe nenxaxheba kwimicimbi engaphandle kweeyure zesikolo. Okubaluleke ngakumbi kukuba, unokufumanisa ukuba ukudlalela iqela lemidlalo kukwenza kube nzima ukusukela oko iBhayibhile ikubiza ‘njengezinto ezibaluleke ngakumbi’—izilangazelelo zokomoya. (Filipi 1:10) Zibuze, ‘Ngaba ukuba ngomnye weqela lemidlalo kuya kufuna ukuba ndiphoswe ziintlanganiso zamaKristu, okanye ngaba kuya kwenza ndingabi nasabelo ngokuthe rhoqo kumsebenzi wokushumayela?’

Kwakhona, yihlole ngokunenyameko imiphumo enokubangelwa kukuchitha kwakho iiyure ezininzi nolutsha nabantu abakhulu abangenambono zifanayo nezakho ngokuphathelele imilinganiselo yokuziphatha, intetho ecocekileyo, okanye ukhuphiswano. Ngapha koko, iBhayibhile ithi “unxulumano olubi lonakalisa imikhwa esebenzisekayo.” (1 Korinte 15:33) Ngokomzekelo, khawuqwalasele inqaku elikwiphepha lamanqaku akhethekileyo kwiThe New York Times elithi: “Igumbi lokutshintshela impahla . . . yindawo apho amadoda axubusha ngemizimba yamabhinqa enembono egqwethekileyo ngesini, kulapho azigobh’ amacala khona ‘ngokuphumelela kwawo ukuba neentlobano zesini’ aze aqhule ngokubetha amabhinqa.” Uya kuqhuba njani ngokomoya ukuba uye wakhetha ukuba kwimekobume enjalo?—Thelekisa uYakobi 3:18.

Ukwenza Isigqibo Sobulumko

Ngaba ubusoloko ucinga ngokuba ngomnye weqela lemidlalo? Mhlawumbi ingxelo eyandulelayo iya kukunceda ubale iindleko zokwenza oko. Cinga ngezazela zabanye xa usenza isigqibo. (1 Korinte 10:24, 29, 32) Kambe ke, akunakubekwa mthetho ungqongqo, ekubeni iimeko zisahluka ehlabathini jikelele. Kweminye imimandla kusenokufuneka abafundi babe nenxaxheba kwimidlalo. Kodwa ukuba uyathandabuza, thetha nabazali bakho okanye umKristu oqolileyo.

Ulutsha oluninzi olungamaKristu luye lwenza isigqibo esinzima sokungadlali kwimidlalo yamaqela. Oku akulula ukuba uyinjuze kwimidlalo yaye uyayinandipha! Ingcinezelo evela kubafundisi-ntsapho, abaqeqeshi nabazali inokongeza kudandatheko. UJimmy oselula uvuma ngelithi: “Ukungadlali ndikufumanisa kungumlo endijamelene nawo. Utata ongakholwayo wayengumdlali ophambili ngexesha awayekwisikolo semfundo ephakamileyo. Maxa wambi kuba nzima ukuba ndingabi lilungu leqela lemidlalo.” Nakuba kunjalo, inkxaso yabazali abakholwayo namaKristu aqolileyo inokwenza lukhulu ekukuncedeni ubambelele kwisigqibo sakho. UJimmy uthi: “Ndiyambulela umama. Maxa wambi ndiye ndadandatheka ngenxa yengcinezelo yokudlala imidlalo. Kodwa usoloko endikhumbuza ngosukelo lokwenene endinalo ebomini.”

Imidlalo yamaqela isenokufundisa abadlali intsebenziswano nendlela yokucombulula iingxaki. Kodwa kukho amathuba amaninzi okufunda izinto ezinjalo ngokusebenza kunye nebandla lamaKristu. (Thelekisa abase-Efese 4:16.) Kwakhona imidlalo yamaqela isenokuba yinto eyolisayo, kodwa akuyomfuneko ukuba ude ube lilungu leqela elithile ukuze uyinandiphe. Eminye imidlalo inokunanditshwa nabahlobo abangamaKristu emva kwendlu okanye kwipaki yasekuhlaleni. Ukuzikhupha njengentsapho kunokunikela amathuba abhekele phaya okudlala ngendlela eyonwabisayo. UGreg oneminyaka eli-16 ubudala uthi: “Kulunge ngakumbi ukudlala nabanye abasebandleni okulo. Oko nje kuba luyolo yaye ukunye nabahlobo bakho!”

Kuyavunywa ukuba, ukudlala nje nabahlobo bakho kusenokungabangeli imincili efanayo neyokuba kwiqela eliphumelelayo. Noko ke, ungaze ulibale ukuba eyona nto ibalulekileyo yeyokuba “ingqeqesho yomzimba iyingenelo kancinane [kuphela]; kodwa uzinikelo lobuthixo luyingenelo kuzo zonke izinto.” (1 Timoti 4:8) Khulisa uzinikelo lobuthixo yaye ngokwenene uya kuba ngophumeleleyo emehlweni kaThixo!

[Umbhalo osemazantsi]

a Bona inqaku elithi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . Imidlalo Yamaqela—Ngaba Indilungele?” elikwinkupho yethu kaMatshi 8, 1996.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 20]

“Sasinomqeqeshi owayenenzondelelo yempambano; owayesoloko esenza isankxwe esingxolisa . . . Ndandisoyika ukuya kuqhelisela”

[Umfanekiso okwiphepha 21]

Ngokufuthi, abaqeqeshi babethelela ukuphumelela—kwanokuba oko kuthetha ukwenzakalisa abanye

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share