INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Indlela Yokushumayela Ngamaphecana
Ukususela ngoJanuwari 2018, iphepha lokuqala Lencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela liba neencoko esinokuzisebenzisa xa sishumayela. Sikhuthazwe ukuba eyona nto ibalulekileyo kukuthetha nabantu kunokuba sibanike nje iincwadi. Kwenziwe iividiyo ezibonisa indlela yokuqala incoko ngeBhayibhile ukuze kuncedwe abazalwana noodade bashumayele nangezinye iindlela. Ngaba le nto ithetha ukuba simele siyeke ukusebenzisa iincwadi xa sishumayela? Hayi! Ngokomzekelo ukusebenzisa amaphecana kuyanceda, kwenza kubelula ukushumayela. Nazi iindlela onokushumayela ngazo usebenzisa amaphecana:
Buza umntu othetha naye umbuzo uze umcele akhethe enye kwiimpendulo ezintathu ezingaphandle.
Mbonise into ethethwa yiBhayibhile kwizibhalo ezikwiphepha lesibini. Ukuba akangxamanga funda ezinye izinto ezikweli phecana nize nincokole ngazo.
Mnike elakhe umcele azifundele.
Ngaphambi kokuba uhambe, mbonise umbuzo okwindawo ethi “Khawucinge Ngoku” uze ucele ukubuya umbonise impendulo eBhayibhileni.
Xa ubuya mbonise impendulo uze umshiye nomnye umbuzo eniza kuthetha ngawo xa niphinda nidibana. Ungakhetha umbuzo okwiwebhsayithi yethu okanye okwincwadi eboniswe kwiphepha lokugqibela. Xa umbona umntu ukuba unomdla, mnike incwadi ethi Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo! okanye enye yeencwadi esifundisa ngazo.