UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | EKSODUS 23-24
Ungalandeli Izinto Ezenziwa Ngabantu Abaninzi
UYehova walumkisa abagwebi namangqina ukuba angavumeli abantu abaninzi babenze bagwebe ngendlela engafanelekanga okanye axoke xa kuxoxwa amatyala. Kodwa lo mgaqo wokungalandeli izinto ezenziwa ngabantu abaninzi uyasebenza nakwezinye izinto. Ihlabathi lisoloko lizama ukwenza abakhonzi bakaYehova bacinge baze benze izinto ngendlela abantu abangamkhonziyo abenza ngayo.—Rom 12:2.
Kutheni kungancedi ukulandela abantu abaninzi
xa usiva izinto ekungekho bungqina bokuba ziyinyani?
xa ukhetha iimpahla, indlela yokulungisa iinwele, neyokuzonwabisa?
kwindlela obajonga ngayo abantu bolunye uhlanga, abakhuliswe ngendlela engafaniyo neyakho, nabanemali okanye abangenayo?