INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Lutsha—Ngaba UYehova Ngumhlobo Wenu Omkhulu?
Ziintoni ozikhangelayo emntwini ukuze abe ngumhlobo wakho? Mhlawumbi uthanda umntu onyanisekileyo, onobubele, nothanda ukupha. UYehova unazo zonke ezo zinto. (Eks 34:6; IZe 14:17) Xa uthandaza kuye, uyamamela. Xa kukho into oyidingayo nanini na, uyakunceda. (Nd 18:19, 35) Xa wenze impazamo, uyakuxolela. (1Yo 1:9) UYehova ngoyena Mhlobo mkhulu!
Unokuba nguye njani umhlobo kaYehova? Funda ngaye kwiLizwi lakhe. Mxelele yonke into. (Nd 62:8; 142:2) Bonisa ukuba uyazixabisa izinto ezibalulekileyo kuYehova, njengoBukumkani bakhe, uNyana wakhe, nezinto athembisa ukuzenza. Xelela abanye ngaye. (Dut 32:3) Ukuba usondela kuYehova ukuze ube ngumhlobo wakhe, naye uza kuba nguMhlobo wakho ngonaphakade.—Nd 73:25, 26, 28.
BUKELA IVIDIYO ETHI LUTSHA—“NGCAMLANI NIBONE UKUBA UYEHOVA ULUNGILE,” UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
Ungenza ntoni ukuze uzinikele uze ubhaptizwe?
Abazalwana noodade ebandleni bangakunceda njani ukuze ukhonze uYehova?
Ukushumayela kubuqinisa njani ubuhlobo bakho noYehova?
Ungangumhlobo kaYehova ngonaphakade!
Zeziphi ezinye iindlela onokumkhonza ngazo uYehova?
Yintoni oyithandayo ngoYehova?