INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Thanda Le KaThixo Imfundo
ISIZATHU SOKUBA KUBALULEKILE: UmYaleli Ozukileyo, uYehova, usifundisa ngeyona ndlela izodlula zonke. Usifundisa indlela yokuphucula ubomi bethu aze asilungiselele ukuphila kwixesha elizayo. Akasibhatalisi mali ngale mfundo. (Isa 11:6-9; 30:20, 21; ISi 22:17) UYehova usifundisa nendlela yokuchazela abanye umyalezo osindisa ubomi.—2Ko 3:5.
INDLELA ONOKWENZA NGAYO:
Funda ukuba ngumntu othobekileyo nolulamileyo.—Nd 25:8, 9
Vuma ukuqeqeshelwa izinto onokukwazi ukuzenza ngoku, njengokunikela iintetho kwintlanganiso yaphakathi evekini
Cinga ngezinye iindlela onokumkhonza ngazo uYehova uze usebenzele ukuzenza.—Fil 3:13
Ncama ezinye izinto ukuze ukwazi ukuqeqeshwa nangezinye iindlela.—Fil 3:8
BUKELA IVIDIYO ETHI IINTSIKELELO ZOKUFUNDISWA NGUYEHOVA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
Ziziphi iingxaki ezingakhange zibanqande abanye abavakalisi ukuba baye kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani?
Luluphi uqeqesho olufunyanwa kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani?
Ibandla liye labanceda njani abavakalisi abasuka kwesi sikolo kwizabelo zabo ezitsha?
Ziziphi izinto ezikwenza ukufanelekele ukuya kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani? (kr 189)
Yeyiphi enye into onokuqeqeshelwa yona kwintlangano kaYehova?
Ziziphi iintsikelelo oza kuzifumana xa uthanda imfundo kaThixo?