IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb22 Septemba iphe. 5
  • Umtshato​—Umanyano Oluhlala Luhleli Ubomi Bonke

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umtshato​—Umanyano Oluhlala Luhleli Ubomi Bonke
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2022
  • Amanqaku Afanayo
  • Ithini IBhayibhile Ngokutshata Nokungatshati?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Umtshato—Isipho Esivela KuThixo Onothando
    “Zigcineni Kuthando LukaThixo”
  • Ukulungiselela Umtshato Ophumelelayo
    Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho
  • Ulwalathiso LukaThixo Ekukhetheni Iqabane Lomtshato
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
Khangela Okunye
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2022
mwb22 Septemba iphe. 5
Abantu abatshatileyo basebenza kunye entsimini.

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Umtshato​—Umanyano Oluhlala Luhleli Ubomi Bonke

Imitshato yamaKristu ephumelelayo izukisa uYehova, ize indoda nomfazi bonwabe. (Mar 10:9) Ukuze amaKristu abe nomtshato ohlala uhleli nowonwabisayo, kufuneka asebenzise imigaqo yeBhayibhile xa ekhetha umntu aza kumtshata.

Thandana kuphela xa sele ‘umdala ngokwaneleyo,’ kuba xa iimvakalelo zesondo zisenamandla kunganzima ukuba ukhethe kakuhle. (1Ko 7:36) Sebenzisa ixesha laxa ungekathandani ukuze womeleze ubuhlobo bakho noThixo uze uvelise iimpawu ezintle zobuKristu. Ukuba wenza loo nto uza kukwazi ukwenza umtshato wakho uphumelele.

Ngaphambi kokuba uvume ukutshata umntu, thatha ixesha elaneleyo ukuze ‘ubone indlela ayiyo entliziyweni.’ (1Pe 3:4) Ukuba kukho ukungaqiniseki, thetha ngako nalo mntu uthandana naye. Njengoko sisenza kwabanye abantu, emtshatweni eyona nto ibalulekileyo yinto esinokuyenzela loo mntu sitshate naye ngaphezu kwento esinokuyifumana. (Fil 2:3, 4) Ukuba usebenzisa imigaqo yeBhayibhile ngaphambi kokuba utshate, kuza kuba lula ukuba uyisebenzise naxa sele utshatile ize loo nto yenze wonwabe emtshatweni.

BUKELA IVIDIYO ETHI UKULUNGISELELA UMTSHATO—INXALENYE 3: “BALA IINDLEKO,” UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Zazinjani izinto ekuqaleni phakathi kwalo dade noShane?

  • Lo dade waqaphela ntoni xa waqalisa ukumazi bhetele?

  • Abazali bakhe bamnceda njani ibe sesiphi isigqibo sobulumko awasenzayo?

Umzalwana othandanayo makacinge ngale mibuzo:

Zeziphi iimpawu zobuKristu anazo lo dade? Ubonisa njani ukuba ufuna kuqala uBukumkani? Ngaba uyaluthobela ukhokelo olusuka eBhayibhileni nasentlanganweni? Ngaba ubakhathalele abanye abantu?

Udade othandanayo makacinge ngale mibuzo:

Zeziphi iimpawu zobuKristu anazo lo mzalwana? Ngaba ukukhonza uYehova nokwenza imisebenzi anayo ebandleni kubaluleke ngaphezu komsebenzi wakhe, imidlalo, imali nokuzonwabisa? Ubaphatha njani abantu bakowabo? Ngaba ubakhathalele abanye abantu?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share