IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w23 Julayi iphe. 31
  • Ngaba Ubusazi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ubusazi?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukholo Lwabo Lwamelana Novavanyo
    Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli
  • Ukutyhila Imfihlelo Yomthi Omkhulu
    Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli
  • Abazange Bavume Ukuqubuda
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Abazange Baqubude
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
w23 Julayi iphe. 31

Ngaba Ubusazi?

Izitena ezifunyanwa kumabhodlo aseBhabhiloni nendlela ezenziwe ngayo zibonisa njani ukuba iBhayibhile ichanile?

KUMABHODLO aseBhabhiloni, abembi bezinto zakudala bafumene izitena ezininzi ezitshisiweyo esasakhiwe ngazo eso sixeko. Omnye wabo, uRobert Koldewey uthi ezi zitena zazisakhiwa kumaziko omlilo “angaphandle kwedolophu, kuba apho kwakukho umhlaba omhle nezinto ezininzi zokubasa.”

Abembi bezinto zakudala, bafumene izinto ezibonisa ukuba amagosa kaRhulumente waseBhabhiloni, ayewasebenzisela nokwenza enye into emasikizi la maziko. Uprofesa oyazi kakuhle imbali nolwimi lwakudala lwaseAsiriya, okwiYunivesithi YaseToronto, uPaul-Alain Beaulieu, uthi: “Imibhalo yaseBhabhiloni ibonisa ukuba abantu ababengamthobeli ukumkani okanye bengazihloniphi izinto ezingcwele, wayeyalela ukuba baphoswe kwiziko lomlilo, batshele apho.” Ngokomzekelo, enye into eyabhalwa ngexesha likaKumkani uNebhukadenetsare, ithi: “Batshabalaliseni, nibatshise, nibaqwayite. . . eziko . . . umsi wabo mawunyuke, babulaleni ngokubaphosa emlilweni.”

Le nto ikhumbuza abantu abafunda iBhayibhile ngento ekuthethwa ngayo kuDaniyeli isahluko 3. Apho, sifunda ukuba uKumkani uNebhukadenetsare wenza umfanekiso omkhulu wegolide kwithafa laseDure, elalingaphandle kwesixeko saseBhabhiloni. Xa abafana abathathu abangamaHebhere, uShadraki, uMeshaki noAbhednego bengazange bavume ukuqubuda kuloo mfanekiso, uNebhukadenetsare wavutha ngumsindo waza wayalela ukuba iziko lomlilo “lenziwe shushu ngokuphindwe kasixhenxe kunesiqhelo,” baze abo bafana bathathu ‘baphoswe kwiziko lomlilo elivuthayo.’ Basindiswa yingelosi kaThixo enamandla.​—Dan. 3:1-6, 19-28.

© The Trustees of the British Museum. Licensed under CC BY-NC-SA 4.0. Source

Isitena esitshisiweyo esinegama likaNebhukadenetsare

Izitena ezafunyanwa eBhabhiloni nazo zibubungqina bokuba iBhayibhile ichanile. Ezininzi kuzo, zinamagama azukisa uKumkani. Enye yezinto ezazibhalwe kuzo, yile: “UNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabhiloni . . . Indlu yasebukhosini, endayakhayo mna, Kumkani Omkhulu . . . Ndinqwenela ukuba yonke inzala yam ilawule kuyo ngonaphakade.” La mazwi afana kakhulu nakuDaniyeli 4:30, apho uNebhukadenetsare azingomba isifuba, esithi: “Asiyiyo na le iBhabhiloni Enkulu, endizakhele yona ngamandla am amakhulu ukuba ibe yindlu yasebukhosini, ngenxa yozuko nobukhulu bam?”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share