ICEBISO LEZINTO ONOKUZIFUNDA
Izinto Onokuzenza Xa Ufunda Nakunqulo Lwentsapho
Asikhonzi uYehova kuphela xa sikwiintlanganiso, iindibano zesiphaluka nezengingqi, kodwa naxa sisodwa okanye siyintsapho. Nazi ezinye izinto onokuzenza xa ufunda nakunqulo lwentsapho:
Lungiselela iintlanganiso. Usenokuprekthiza iingoma, uncede wonke umntu kwintsapho alungiselele impendulo.
Funda ibali leBhayibhile, uze uzobe izinto ezenzekayo kulo okanye ubhale into oyifundileyo.
Funda umthandazo oseBhayibhileni uze ucinge ngendlela onokukunceda ngayo uphucule eyakho imithandazo.
Bukela ividiyo uze uncokole nabanye ngayo okanye ubhale isiqendu ngento oyifundileyo kuyo.
Lungiselelani intsimi, mhlawumbi omnye kwintsapho angaba ngumninimzi, nize niprekthize into eniza kuyithetha.
Jonga indalo uze ucingisise okanye uncokole nabanye ngento ekufundisa yona ngoYehova.a
a Jonga inqaku elithi “Unokufunda Nezinye Izinto NgoYehova Kwindalo” kwiMboniselo kaMatshi 2023.