INQAKU ELIFUNDWAYO 21
INGOMA 21 Funani UBukumkani Kuqala
Funa Isixeko Esiza Kuhlala Sikho
“Isixeko esisifuna ngamandla seso sizayo.”—HEB. 13:14.
SIZA KUTHETHA NGANTONI?
Ngendlela amaHebhere isahluko 13 anokusinceda ngayo ngoku nakwixesha elizayo.
1. UYesu wathi yintoni eyayiza kwenzeka eYerusalem?
KWIINTSUKU ezimbalwa ngaphambi kokuba afe, uYesu Kristu wathetha ngesiprofeto esenzeka okokuqala xa iYerusalem netempile yayo zatshatyalaliswayo. Walumkisa abantu ababemmamele esithi ngenye imini iYerusalem iza ‘kurhangqwa ziintente zamajoni.’ (Luka 21:20) Waxelela abalandeli bakhe ukuba xa bebona loo majoni, ze bakhawuleze babaleke bemke kwaYuda. Yenzeka nyhani ke into eyayithethwe nguYesu. Amajoni aseRoma ayirhangqa iYerusalem.—Luka 21:21, 22.
2. Yintoni umpostile uPawulos awayixelela amaKristu angamaHebhere akwaYuda naseYerusalem?
2 Kwiminyaka nje embalwa ngaphambi kokuba amajoni aseRoma ajikeleze iYerusalem, umpostile uPawulos wabhala ileta eyayinomyalezo obalulekileyo, ngoku ebizwa ngokuba yincwadi yamaHebhere. Kuloo leta, waxelela amaKristu akwaYuda nawaseYerusalem umyalezo obalulekileyo owawuza kuwanceda alungele into eyayiseza kwenzeka. Kwakuza kwenzeka ntoni? IYerusalem yayiza kutshatyalaliswa. Ukuze loo maKristu asinde, kwakuza kufuneka akulungele ukushiya amakhaya namashishini awo. Xa wayethetha ngesixeko saseYerusalem uPawulos wathi: “Apha asinaso isixeko esihlala sikho.” Waphinda wathi: “Kodwa isixeko esisifuna ngamandla seso sizayo.”—Heb. 13:14.
3. Yintoni “isixeko esineziseko zokwenene”? Kutheni sisifuna?
3 Kusenokwenzeka ukuba amaKristu awagqiba ukuba ayishiye iYerusalem nelakwaYuda ayehlekwa futhi kuhlekiswa ngawo, kodwa isigqibo awasenzayo sabusindisa ubomi bawo. Nanamhlanje kuhlekiswa ngathi kuba asithembelanga ebantwini futhi asijonganga ukuphila tofotofo kweli hlabathi. Yintoni esenza sibe njalo? Siyazi ukuba eli hlabathi liza kudlula. Sifuna “isixeko esineziseko zokwenene,” ‘eso sizayo,’ esibuBukumkani BukaThixo.a (Heb. 11:10; Mat. 6:33) Kumxholwana ngamnye weli nqaku siza kuthetha (1) ngendlela izinto uPawulos awaphefumlelwa ukuba azibhale ezawanceda ngayo amaKristu okuqala ahlala efuna ‘isixeko esizayo,’ (2) ngendlela uPawulos awawanceda ngayo alungela izinto ezaziza kwenzeka, (3) nangendlela icebiso lakhe elisinceda ngayo namhlanje.
THEMBELA KULOWO UNGASOZE AKULAHLE
4. Ziintoni ezazisenza iYerusalem ibaluleke kumaKristu?
4 IYerusalem yayibalulekile kumaKristu. Ibandla lokuqala lamaKristu lamiselwa apho ngo-33 C.E., nabazalwana bequmrhu elilawulayo babehlala khona. AmaKristu amaninzi ayenezindlu nezinye izinto ezininzi kweso sixeko. Sekunjalo, uYesu wawalumkisa esithi kwakuza kufuneka emke eYerusalem nakwaYuda.—Mat. 24:16.
5. UPawulos wawanceda njani amaKristu alungela into eyayiza kwenzeka?
5 Ukuze amaKristu alungele into eyayiza kwenzeka, uPawulos wawanceda ayiqonda kakuhle indlela uYehova awayeziva ngayo ngesixeko saseYerusalem. Wawakhumbuza ukuba uYehova wayengasavuyiswa yitempile nangababingeleli baseYerusalem, nemibingelelo eyayisenziwa apho yayingasekho ngcwele. (Heb. 8:13) Abantu abaninzi balapho zange bamfune uMesiya. Itempile yaseYerusalem yayingaseyondawo uYehova akhonzwa kuyo ngendlela ayifunayo, futhi yayiza kutshatyalaliswa.—Luka 13:34, 35.
6. Yintoni eyayisenza amaKristu angamaHebhere ayidinge into eyathethwa nguPawulos kumaHebhere 13:5, 6?
6 Xa uPawulos wayebhalela amaKristu angamaHebhere, abantu abaninzi babekuthanda ukuhlala eYerusalem okanye ukundwendwela khona. Omnye umbhali welo xesha owayengumRoma wathi iYerusalem “yayisesona sixeko sasidumile kumazwe aseMpuma.” Esi sixeko sasimi kakuhle ngezimali kuba amaYuda amaninzi awayesuka kwezinye iindawo ayechitha imali eninzi kuso xa eye kumatheko awayesibakho qho ngonyaka. Ngokuqinisekileyo namanye amaKristu ayesenza imali apho. Mhlawumbi yiloo nto uPawulos wathi kuwo: “Indlela eniphila ngayo mayibonise ukuba aningobathandi bemali, naneliseke zizinto eninazo.” Emva koko wacaphula kwiZibhalo apho uYehova wayeqinisekisa abakhonzi bakhe esithi: “Soze ndinishiye, ndingasoze ndinilahle.” (Funda amaHebhere 13:5, 6; Dut. 31:6; INdu. 118:6) AmaKristu awayehlala eYerusalem nakwaYuda ayekudinga ukuqinisekiswa ngaloo ndlela. Kutheni sisitsho? Kaloku emva nje kokuba efumene le leta kwakuza kufuneka ashiye amakhaya, amashishini, nezinto zawo ezininzi aze aye kuphila ubomi angabuqhelanga kwenye indawo.
7. Kutheni kufuneka siye simthemba uYehova khona ngoku?
7 Into esiyifundayo: Yintoni eza kwenzeka? Kuza kuqalisa ‘intlungu engathethekiyo’ kuze kutshatyalaliswe eli hlabathi. (Mat. 24:21) NjengamaKristu okuqala simele sihlale sithe qwa, futhi sizilungele izinto eziza kwenzeka. (Luka 21:34-36) Ngentlungu engathethekiyo kusenokufuneka sishiye ezinye izinto esinazo okanye sizishiye zonke, size simthembe ngokupheleleyo uYehova ukuba akasoze abalahle abantu bakhe. Sinethuba lokubonisa ukuba simthembe kangakanani uYehova khona ngoku ingekaqali intlungu engathethekiyo. Zibuze, ‘Ngaba izinto endizenzayo nendizimisele ukuzenza zibonisa ukuba andithembelanga kubutyebi, kodwa ndithembele kuThixo ondithembisa ukuba uza kundikhathalela?’ (1 Tim. 6:17) Zikhona zona izinto esinokuzifunda kwinto eyenzeka kumaKristu okuqala; kodwa yona ‘intlungu engathethekiyo’ iza kuba nzima ngaphezu kwayo nantoni na eyakha yenzeka kumaKristu. Ngoko siza kuyazi njani eyona nto kufuneka siyenze xa iqala?
THOBELA ABO BAKHOKELAYO
8. Yeyiphi imiyalelo uYesu awayinika abalandeli bakhe?
8 Emva kweminyaka nje embalwa amaKristu angamaHebhere efumene ileta kaPawulos, abona amajoni aseRoma ejikeleze isixeko saseYerusalem. Loo nto yawabonisa ukuba ngoku lixesha lokuba abaleke kuba isixeko saseYerusalem sasiza kutshatyalaliswa. (Mat. 24:3; Luka 21:20, 24) Kodwa ayeza kubalekela phi? Kaloku uYesu wasuka nje wathi: “Abantu bakwaYuda mababalekele ezintabeni.” (Luka 21:21) Zazininzi ke iintaba kuloo mmandla, ngoko ayeza kubalekela kweziphi ke iintaba?
9. Yintoni eyayisenokwenza amaKristu azibuze ukuba ayeza kubalekela phi? (Jonga nemaphu.)
9 Nazi iintaba awayenokubalekela kuzo amaKristu: iintaba zaseSamariya, iintaba zaseGalili, iNtaba iHermon, iintaba zaseLebhanon neentaba ezaziphesheya kweYordan. (Jonga imaphu.) Ezinye izixeko kuloo mimandla yayineentaba zazinokubonakala ngathi zikhuselekile. Ngokomzekelo, isixeko saseGamla sasikwintaba eyayiphakame kakhulu, ngoko kwakunzima kakhulu ukuya kuso. Amanye amaYuda ayesibona njengendawo awayenokubalekela kuyo. Kodwa kulapho yayishushu khona imfazwe yamaYuda namaRoma kangangokuba kwafa abantu abaninzi balapho.b
Zininzi iintaba awayenokubalekela kuzo amaKristu, kodwa ezinye zazo zazingakhuselekanga (Jonga isiqendu 9)
10-11. (a) Inoba uYehova wabakhokela njani abantu bakhe? (Hebhere 13:7, 17) (b) Kwawanceda njani amaKristu ukuthobela abo bakhokelayo? (Jonga nomfanekiso.)
10 Kuyabonakala ukuba uYehova wasebenzisa amadoda akhokelayo ebandleni ukuze akhokele amaKristu. Ekuhambeni kwexesha omnye umbhali wezinto zakudala, uEusebius, wabhala wathi: “UThixo watyhilela amadoda akhokelayo ebandla laseYerusalem ukuba amaKristu afanele abalekele kwisixeko esisePereya, iPela.” IPela yayiyindawo efanelekileyo awayenokubalekela kuyo amaKristu. Kwakulula ukuya kuyo kuba yayingekho kude neYerusalem. Abantu abaninzi ababehlala kweso sixeko yayingengomaYuda, ngoko babengazami ukulwa namaRoma.—Jonga imaphu.
11 AmaKristu awabalekela ezintabeni enza into uPawulos awawacebisa yona yokuba ‘athobele abo bakhokelayo’ ebandleni. (Funda amaHebhere 13:7, 17.) Ngenxa yaloo nto asinda. Imbali iyangqina ukuba uThixo akazange abalahle abo babelindele “isixeko esineziseko zokwenene” esibuBukumkani BukaThixo.—Heb. 11:10.
Indawo ekufutshane eyayikhuselekile yiPela (Jonga isiqendu 10-11)
12-13. UYehova uye wabakhokela njani abantu bakhe ngamaxesha anzima?
12 Into esiyifundayo: Ukuze axelele abantu bakhe izinto abamele bazenze, uYehova usebenzisa amadoda akhokelayo. IZibhalo zinemizekelo emininzi yendlela uYehova awawasebenzisa ngayo amadoda awayethembekile ukuze akhokele abantu bakhe ngamaxesha anzima. (Dut. 31:23; INdu. 77:20) Nathi namhlanje zininzi izinto esizibonayo ezibonisa ukuba uYehova usasebenzisa amadoda akhokelayo.
13 Ngokomzekelo, xa kwaqala ikhorona, “abo bakhokelayo” basinika imiyalelo esasiyidinga. Abadala banikwa imiyalelo yendlela emaziqhutywe ngayo iintlanganiso ukuze abazalwana noodade baqhubeke bemkhonza kunye uYehova. Kungabanga xesha lide ikhorona iqalile, kwenzeka into engazange yenzeka ngaphambili. Saba nendibano yengingqi eyayifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwe-500. Abazalwana noodade babeyibukela kwi-internet, kwi-TV okanye bayimamele kwirediyo. Sahlala simanyene kuba zange siyeke ukufumana izinto eziqinis’ ukholo. Sinokuqiniseka ukuba, nokuba singaneengxaki ezinjani kwixesha elizayo, uYehova uza kuqhubeka ebanceda abo bakhokelayo benze izigqibo ezifanelekileyo. Ngaphandle kokuthembela ngoYehova nokuthobela imiyalelo yakhe, zeziphi ezinye iimpawu eziza kusinceda siyilungele intlungu engathethekiyo, size ngelo xesha liza kube linzima kakhulu sikwazi ukwenza izigqibo ezifanelekileyo?
BATHANDE ABAZALWANA, UBENZELE UBUBELE
14. Ngokutsho kwamaHebhere 13:1-3, ngaphambi kokuba kutshatyalaliswe iYerusalem netempile yayo, zeziphi iimpawu ekwakufuneka amaKristu abe nazo?
14 Xa iqala intlungu engathethekiyo, kuza kufuneka sithandane ngendlela esingazange sathandana ngayo ngaphambili. Ngelo xesha kuza kufuneka silinganise amaKristu awayehlala eYerusalem nakwaYuda. Ayesoloko ethandana. (Heb. 10:32-34) Kodwa kwiminyaka embalwa ngaphambi kokuba kutshatyalaliswe iYerusalem netempile yayo, loo maKristu kwafuneka ‘athandane’ aze ‘enzelane ububele’ kakhulu kunangaphambili.c (Funda amaHebhere 13:1-3.) Kuza kufuneka loo nto ke nakuthi njengoko isiphelo seli hlabathi sisiya sisondela.
15. Emva kokuba ebalekile eYerusalem, kwakutheni ukuze kufuneke amaKristu angamaHebhere athandane aze enzelane ububele?
15 Xa imikhosi yamaRoma yajikeleza iYerusalem yaza yaphinda yemka ngokukhawuleza, amaKristu kwafuneka abaleke. Kodwa ayengenakukwazi ukubaleka nazo zonke izinto awayenazo. (Mat. 24:17, 18) Kwafuneka ancedane kwindlela eyayisiya ezintabeni naxa ayefunda ukuphila kumakhaya awo amatsha. Asithandabuzi ukuba kwakuye kubekho iingxaki ezininzi ezidinga uncedo olukhawulezileyo. AmaKristu ayefumana ithuba lokubonisa ukuba abathanda nyhani abazalwana bawo, ngokubanceda nangokubapha izinto anazo.—Tito 3:14.
16. Sinokubonisa njani ukuba siyabathanda abazalwana noodade abadinga uncedo? (Jonga nomfanekiso.)
16 Into esiyifundayo: Uthando lusenza sikwazi ukunceda amanye amaKristu xa edinga uncedo. Abantu abaninzi bakaThixo baye bakuvuyela ukubakhuthaza nokubanika izinto abazidingayo abazalwana noodade abaye babaleka kumazwe abo ngenxa yemfazwe neentlekele zemvelo. Omnye udade waseUkraine owashiya ikhaya lakhe ngenxa yemfazwe uthi: “Siyibonile indlela uYehova asinceda nasikhokela ngayo esebenzisa abazalwana bethu. Baye basamkela kakuhle baza basinceda kakhulu eUkraine, eHungary nalapha eJamani.” Abantu abenzela abazalwana noodade ububele, baze babancede ngezinto abazidingayo, basetyenziswa nguYehova.—IMize. 19:17; 2 Kor. 1:3, 4.
Namhlanje, amaKristu abaleke kumazwe awo ayaludinga uncedo lwethu (Jonga isiqendu 16)
17. Kutheni kubalulekile ukuba sibathande ngoku size sibenzele ububele abazalwana noodade?
17 Ngokuqinisekileyo kwixesha elizayo luza kudingeka nyhani uncedo olufana nolu kunokuba kunjalo ngoku. (Hab. 3:16-18) UYehova usifundisa ukuba sibathande ngoku abazalwana noodade size sibenzele ububele, kuba ezo mpawu ziza kudingeka nyhani ngelo xesha.
YINTONI EZA KWENZEKA KWIXESHA ELIZAYO?
18. Sinokuwalinganisa njani amaKristu okuqala angamaHebhere?
18 AmaKristu awabalekela ezintabeni asinda xa kwakutshatyalaliswa iYerusalem. Asishiya eso sixeko, kodwa uYehova zange awashiye. Isifundisa ntoni loo nto? Asiyazi eyona ndlela ziza kwenzeka ngayo izinto kwixesha elizayo. UYesu wasilumkisa wathi masikulungele ukuthobela. (Luka 12:40) Sinokwenza nezinto esizifunde kwileta uPawulos awayibhalela amaKristu angamaHebhere. UYehova usithembisa ukuba akasoze asishiye okanye asilahle. (Heb. 13:5, 6) Ngoko masihlale sifuna isixeko esiza kuhlala sikho, esibuBukumkani BukaThixo, size sivuyele iintsikelelo ezingasoze ziphele eziza kuza neso sixeko.—Mat. 25:34.
INGOMA 157 Ekugqibeleni Siseluxolweni!
a Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, izixeko zazidla ngokulawulwa ngukumkani. Isixeko esinjalo sasinokuba bubukumkani.—Gen. 14:2.
b Le nto yenzeka amaKristu esand’ ukubaleka kwaYuda naseYerusalem, ngo-67 C.E.
c Igama eliguqulelwe ngokuthi ‘ukuthanda abazalwana’ linokuthetha uthando lwabantu abazalanayo, ngoko uPawulos walisebenzisa xa wayethetha ngendlela abathandana ngayo abazalwana noodade ebandleni.