IBALI LOBOMI
Nangona Ndandineentloni, Ndaba Ngumthunywa Wevangeli
NDISENGUMNTWANA ndandineentloni futhi ndiboyika abantu. Kodwa ekuhambeni kwexesha uYehova wandinceda ndangumthunywa wevangeli obathandayo abantu. Wayenza njani loo nto? Ekuqaleni wasebenzisa utata. Emva koko yaba ngumzekelo omhle kakhulu wodade owayena-16. Ekuhambeni kwexesha yaba ngamazwi omyeni wam owayenobubele nomonde. Makhe ndinibalisele.
Ndazalelwa eVienna, eAustria ngo-1951, abazali bam babengamaKatolika. Ndandineentloni kodwa ndikholelwa kuThixo, ndithandaza qho. Xa ndandineminyaka eyi-9 utata waqala ukufunda namaNgqina KaYehova, ekuhambeni kwexesha nomama wafundelwa naye.
Mna nodadewethu uElisabeth (ekhohlo)
Kungabanga xesha lide, sakhonza kwiBandla laseDöbling eliseVienna. Njengentsapho zininzi izinto esasizenza kunye. Sasifunda iBhayibhile, sisiya kwiintlanganiso zebandla futhi sincedisa naxa kukho indibano. Xa ndandisengumntwana, utata wandinceda ndamthanda kakhulu uYehova. Phofu into awayeyithandazela yayikukuba mna nodadewethu sibe ngoovulindlela. Kodwa ngelo xesha yayingeyonto endandiyifuna leyo.
UKUQALA KWAM INKONZO YEXESHA ELIZELEYO
Xa ndandineminyaka eyi-14, ngo-1965, ndaye ndabhaptizwa. Kodwa kwakunzima kum ukuthetha nabantu endingabaziyo entsimini. Enye into eyayiyingxaki kum yayikukuba ndandingazithembanga, ndifuna ukwamkeleka nakwabanye abantwana. Kungabanga xesha lide ndibhaptiziwe, ndaqalisa ukuba nabahlobo abangamkhonziyo uYehova. Ndandikuthanda kona ukuhlala nabo, kodwa ndandityiwa sisazela kuba ixesha elininzi ndandilichitha kunye nabantu abangengomaNgqina. Kwakunzima ukohlukana nabo. Ndancedwa yintoni?
Zininzi izinto endazifunda kuDorothée (ekhohlo)
Malunga nelo xesha, ebandleni lethu kwafika uDorothée udade owayena-16. Ndayithanda nyhani indlela awayekukhuthalele ngayo ukushumayela kwindlu ngendlu. Ndandimdala kancinci kunaye, kodwa ndandingakukhuthalelanga kangako ukushumayela. Ndathi xa ndicinga: ‘Abazali bam ngamaNgqina kodwa yena uDorothée nguye yedwa osenyanisweni kowabo, uhlala nomama wakhe ogulayo, kodwa usoloko ekhona entsimini.’ Umzekelo wakhe wandikhuthaza ukuba ndimsebenzele kakhulu uYehova. Kungekudala emva koko, mna noDorothée saba ngoovulindlela kunye. Saqala ngokuba ngoovulindlela abangabancedani, ekwakusithiwa ngoko ngoovulindlela bexesha lekhefu, saza ekuhambeni kwexesha sangoovulindlela abathe ngxi. Indlela awayekuthanda ngayo ukushumayela uDorothée yandosulela. Wandinceda ndakwazi ukuqalisa ukuqhuba isifundo sam sokuqala. Njengoko ixesha lalihamba, ndaqalisa ukukhululeka xa ndithetha nabantu emnyango, estratweni nakwezinye iindawo.
Kunyaka wam wokuqala ndinguvulindlela othe ngxi, ebandleni kwafika uHeinz, umzalwana owayengowaphaya eAustria. Inyaniso wayeyifumene eKhanada xa wayeye kumntakwabo owayeliNgqina. UHeinz wayethunyelwe kwibandla lethu eVienna ukuba abe nguvulindlela okhethekileyo. Ndamthanda zisuka. Kodwa wayefuna ukuba ngumthunywa wevangeli, ndabe mna ndingafuni ukuba nguye. Ekuqaleni ndandingafuni abone ukuba ndiyamthanda. Kodwa ekuhambeni kwexesha saqalisa ukuthandana, satshata, saba ngoovulindlela kunye eAustria.
UKUNQWENELA KWAM UKUBA NGUMTHUNYWA WEVANGELI
UHeinz wayesoloko ethetha nam ngendlela anomdla ngayo wokuba ngumthunywa wevangeli. Nangona engazange andinyanzele, wayedla ngokundibuza imibuzo endenza ndicinge, njengalo uthi, “Ekubeni singenabantwana, asinakumsebenzela nangezinye iindlela uYehova?” Kuba ndandingumntu oneentloni, ndandikoyika ukuba ngumthunywa wevangeli. Ndandinguye yena uvulindlela, kodwa ukuba ngumthunywa wevangeli kwakubonakala kuyinto engaphaya kwamandla am. Sekunjalo, uHeinz zange ancame, wandikhuthaza ukuba ndicinge ngendlela endinokubanceda ngayo abanye abantu kunokuba ndibe nexhala ngesiqu sam. Icebiso lakhe landinceda kakhulu.
Kungo-1974, uHeinz uqhuba iSifundo SeMboniselo kwibandla elincinci lesiSerbo-Croatia eliseSalzburg, eAustria.
Kancinci kancinci ndaya ndisiba nomnqweno wokuba ngumthunywa wevangeli, ngoko safaka isicelo sokuya kwiSikolo SaseGiliyadi. Kodwa umzalwana owayesisicaka sesebe wandicebisa ukuba ndiqale ndiphucule indlela endisithetha ngayo isiNgesi. Emva kweminyaka emithathu ndizama, sothuswa kukufumana isabelo sokuya kukhonza kwibandla lesiSerbo-Croatia eliseSalzburg eAustria. Sasebenza kuloo ntsimi yabantu abathetha olo lwimi iminyaka eyi-7. Umyeni wam waba ngumveleli wesiphaluka unyaka omnye, saza satyelela loo mabandla kunye. IsiSerbo-Croatia sasinzima kodwa saba nezifundo ezininzi.
Ngo-1979 intlangano yathi masiye eBulgaria, senze ngathi siye kwiholide. Apho umsebenzi wethu wawuvaliwe. Ngoko zange sishumayele kuloo holide. Kuba kwakuhlala oodade abayi-5 eSofia, eyayilikomkhulu lalapho, sacelwa ukuba sibaphathele iincwadi ezincinci ngokufihlakeleyo. Ndandisoyika, kodwa uYehova wandinceda kuloo msebenzi. Xa ndabona indlela ababenesibindi ngayo aba dade nababevuya ngayo ngoxa besengozini yokuvalelwa, nam ndatsho ndanesibindi sokwenza nantoni na intlangano kaYehova ethi mandiyenze.
Emva kwexesha saphinda safaka isicelo sokuya eGiliyadi, ibe samkelwa. Sasicinga ukuba siza kuba kwiklasi yesiNgesi eUnited States. NgoNovemba 1981 kwaqalisa iSikolo SaseGiliyadi Esandisiweyo kwisebe laseJamani eWiesbaden. Ngoko saba kwiklasi yesiJamani nekwakulula kum ukusiqonda. Sasiza kuthunyelwa phi emva koko?
SAKHONZA KWILIZWE ELINEEMFAZWE
Sathunyelwa eKenya! Kodwa iofisi yesebe yalapho yasibuza ukuba singakwazi na ukuya kukhonza eUganda, ilizwe elikufutshane nalapho. Kwiminyaka engaphezu kweyi-10 ngaphambi koko, urhulumente waseUganda wayebhukuqwe ngumkhosi owawukhokelwa nguNjengele Idi Amin. Xa wayelawula, kwafa amawaka abantu, neemiliyon zabantu zaphila kabuhlungu. Ngo-1979 nowakhe urhulumente wabhukuqwa. Inokuba uyayiqonda ukuba kwakutheni ukuze ndoyike ukuya kwilizwe elinemfazwe. Kodwa iGiliyadi yasifundisa ukuthembela ngoYehova. Ngoko savuma.
Yayimbi kakhulu imeko yaseUganda. KwiNcwadi Yonyaka Ka-2010 uHeinz wayichaza kanje: “Iinkonzo ezininzi njengamanzi neendlela zokunxibelelana zazingasafumaneki. Kwakuxhaphake izithonga zemipu nokuphangwa ingakumbi ebusuku. Wonke umntu wayezivalela endlwini, ethandazela ukuba ngobo busuku kungabikho sihange singenayo.” Ngoxa babenezi ngxaki abazalwana, babeqhubeka bekhonza uYehova bonwabile.
Siyapheka kwaWaiswa
Ngo-1982 mna noHeinz safika eKampala, elikomkhulu laseUganda. Kwiinyanga zethu zokuqala eziyi-5 sasihlala kwikhaya likaSam noChristina Waiswa ababehlala nabantwana babo abayi-5 nezihlobo zabo eziyi-4. Yayimangalisa indlela eyayinobubele ngayo le ntsapho, kuba amaxesha amaninzi yayisitya kanye ngosuku. Ukuhlala nabakwaWaiswa kwasifundisa izinto ezininzi ezasinceda kubomi bethu bokuba ngabathunywa bevangeli. Ngokomzekelo, safunda ukuba amanzi esihlamba ngawo abe ziilitha nje ezimbalwa futhi singawachithi, ukuze siwasebenzise xa siflasha kwindlu yangasese. Ngo-1983 sinoHeinz safumana indlu eKampala, kwindawo noko eyayikhuselekile.
Yayimnandi nyhani intsimi. Ndikhumbula ukuba kwenye inyanga sahambisa iimagazini ezingaphezu kwe-4 000. Kodwa eyona nto eyayisivuyisa kakhulu ngabantu esasishumayela kubo. Babemhlonipha uThixo futhi benomdla wokuthetha ngeBhayibhile. Ngamnye wethu wayedla ngokuba nezifundo eziyi-10 ukuyotsho ku-15. Ininzi into esayifunda kuzo. Ngokomzekelo, sasiyithanda indlela ezazihlala zivuya ngayo ngoxa kwakufuneka zihambe ngeenyawo ukuya nokubuya kwiintlanganiso veki nganye, zingakhalazi.
Ngo-1985 nango-1986, kwaphinda kwakho ezinye iimfazwe ezimbini eUganda. Sasidla ngokubona abantwana abangamajoni bephethe imipu emikhulu. Yayingabo abagqibayo ukuba ngubani onokudlula endleleni. Ngelo xesha sasiye sicele uYehova asincede sibe nobulumko size sizole njengoko sasikhangela abantu entsimini. UYehova wayeyiphendula imithandazo yethu. Sasilibala nokuba besisoyika xa sidibana nomntu onomdla nyhani kumyalezo woBukumkani.
Mna noHeinz kunye noTetyana (osesiphakathini)
Sasikuthanda ukushumayela nakubantu bamanye amazwe ababehlala eUganda. Ngokomzekelo, sadibana noMurat Ibatullin nenkosikazi yakhe uDilbar ababesuka eTatarstan (kuMbindi weRashiya) saza safunda nabo iBhayibhile. UMurat wayenguGqirha. Bobabini baba ngamaNgqina ukususela ngoko. Ekuhambeni kwexesha ndadibana nebhinqa elalisuka eUkraine elalicinga ngokuzibulala, uTatjana Vileyska. Emva kokuba ebhaptiziwe wabuyela eUkraine waza ekuhambeni kwexesha wancedisa kumsebenzi wokuguqulela iincwadi zethua.
ISABELO ESITSHA
Ngo-1991, ngoxa mna noHeinz sasikwiholide eAustria, safowunelwa yiofisi yesebe yalapho isixelela ukuba siza kufumana isabelo esitsha sokuyokukhonza eBulgaria. Emva kokuphela kobukomanisi eMpuma Yurophu, umsebenzi wamaNgqina KaYehova waba semthethweni eBulgaria. Njengokuba besenditshilo, sinoHeinz sasikhe sathubelezisa iincwadi zentlangano apho xa umsebenzi wawuvaliwe. Kodwa ngoku sasithunyelwa ukuba siyokushumayela khona.
Saxelelwa ukuba singabi sabuyela eUganda. Ngoko zange sibuyele kwikhaya lethu ukuyopakisha nokuyovalelisa kubahlobo bethu, saya eBheteli eJamani, safumana imoto saya eBulgaria. Sabelwa ukuba sikhonze neqela labavakalisi abamalunga ne-20 eSofia.
Ukufika kwethu eBulgaria, saba neengxaki eziliqela. Okokuqala, sasingalwazi nolo lwimi lwalapho. Okwesibini, ekuphela kweencwadi ezazikho ngesiBulgaria yethi Inyaniso Ekhokelela Kubomi Obungunaphakade nethi Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile. Kwakunzima ke nokuqalisa izifundo zeBhayibhile. Ngoxa kwakukho ezi ngxaki, iqela lethu elincinci lalikukhuthalele ukushumayela. ICawa yobuOthodoki yayibona loo nto, saza saqalisa ukuba neengxaki nyhani.
Ngo-1994 amaNgqina ayekiswa ukuba lunqulo olusemthethweni aze aphathwa njengonqulo oluyingozi. Abanye abazalwana babanjwa. Kumaphephandaba nakwiTV kwakuxokwa kakhulu ngathi kusithiwa amaNgqina bulala abantwana aze akhuthaze namanye ukuba azibulale. Kwakunzima kakhulu kum noHeinz ukuba sishumayele. Sasidla ngokudibana nabantu abandlongondlongo ababesingxolisa, basibizele amapolisa, basigibisele nangezinto. Zazingangeni iincwadi zentlangano kwela lizwe, kunzima nokuqesha iiholo zokungenela iintlanganiso. Kwenye indibano esasinayo, amapolisa angena aze ayichitha loo ndibano. SinoHeinz sasingakuqhelanga ukucatshukelwa kangaka. Abantu balapho babengafani tu nabaseUganda ababenobubele nababekufuna ukufunda iBhayibhile. Yintoni eyasinceda sakwazi ukunyamezela?
Ukuba kunye nabazalwana noodade kwasinceda sonwaba. Babeyithanda inyaniso, beyixabisa nento yokuba sasibanceda. Sonke sasikhathalelana futhi sincedana. Loo nto yasifundisa ukuba singakwazi ukonwaba nakwesiphi isabelo ukuba sihlala sibathanda abantu.
Sikwisebe laseBulgaria ngo-2007
Kwaba bhetele noko emva kweminyaka embalwa. Ngo-1998 intlangano yethu yaphinda yabhaliswa ngokusemthethweni, neencwadi zethu ezininzi zafumaneka ngesiBulgaria. Ngo-2004 kwanikezelwa isakhiwo esitsha sesebe. Namhlanje eBulgaria kukho amabandla ayi-57 nabavakalisi abayi-2 953. Kunyaka wenkonzo ka-2024 bebeyi-6 475 abantu abebeye eSikhumbuzweni. Nangona eSofia kwakukhe kwakho nje oodade abayi-5, ngoku kukho amabandla ayi-9. Simbone nyhani “omncinci esiba liwaka.”—Isa. 60:22.
UKUMELANA NEENGXAKI ZOBOMI
Zininzi iingxaki zempilo endiye ndanazo. Ndiye ndanamathumba amaninzi de elinye lasentloko. Ndanyangwa kusetyenziswa iradiation, ndafumana utyando olwathatha iiyure eziyi-12 eIndia ukuze lisuswe phantse lonke elo thumba ngooGqirha. Sahlala kwisebe laseIndia de ndaphila, emva koko sabuyela kwisabelo sethu eBulgaria.
Kwangelo xesha, uHeinz waba nesifo esingaqhelekanga ekuthiwa yiHuntington’s disease, esifumaneka ngemfuza. Kwakunzima kuye ukuhamba, ukuthetha, nokulawula iingalo nemilenze yakhe. Njengoko imeko yakhe yayisiya isiba mbi waya exhomekeka kakhulu kum. Ngamanye amaxesha ndandiziva ndidinwe kakhulu futhi ndinexhala lokuba izinto zizophelela phi. Sekunjalo, uBobi owayengumzalwana osemtsha wayesoloko emlanda uHeinz ukuze bayokushumayela kunye. Into yokuba uHeinz engakwazi ukuthetha kakuhle nokulawula iingalo nemilenze yakhe yayingamenzi abe neentloni uBobi. Qho ndingakwazi ukumnceda uHeinz, uBobi wayesoloko ekhona. Mna noHeinz sazixelela ukuba asizukuba nabantwana kweli hlabathi, kodwa uYehova wasipha unyana onguBobi.—Marko 10:29, 30.
UHeinz waba nayo necancer. Okubuhlungu kukuba ngo-2015 umyeni wam endandimthanda wasweleka. Emva kokusweleka kwakhe ndandiziva ndingenamncedi, ingade iqheleke into yokuba akasekho. Ndisoloko ndimcinga, kangangokuba engqondweni yam ingathi usaphila. (Luka 20:38) Ebudeni bemini ndidla ngokucinga ngezinto awayezithetha kum, nangamacebiso amahle awayendinika wona. Ndibulela kakhulu ngale minyaka siyichithe kunye sikhonza uYehova.
NDIYAMBULELA UYEHOVA NGOKUNDINCEDA
UYehova uye wandinceda ndakwazi ukunyamezela zonke iingxaki endiye ndanazo. Undincede ndayeka ukuba ngumntu oneentloni ndaza ndangumthunywa wevangeli obathandayo abantu. (2 Tim. 1:7) Ngenxa yakhe, ngoku mna nodadewethu omncinci sikwinkonzo yexesha elizeleyo. Yena nomyeni wakhe batyelela amabandla esiSerbia eYurophu. Into awayeyithandazela utata sisebancinci iyenzeka.
Qho ndifunda iBhayibhile ndiba seluxolweni. Ndifunde ukuba ngamaxesha anzima ndimele ‘ndingayeki ukuthandaza,’ njengoYesu. (Luka 22:44) Enye indlela uYehova ayiphendula ngayo imithandazo yam bububele nothando lwabazalwana noodade abakwibandla lam eliseNadezhda, eSofia. Baye bandimeme size sichithe ixesha kunye. Badla ngokundichazela nendlela abandithanda ngayo, nto leyo endivuyisa kakhulu.
Ndidla ngokucingisisa ngokuvuka kwabantu abaswelekileyo. Ndinombono wabazali bam phambi kwendlu yethu, bebahle ngala ndlela babebahle ngayo ngolwa suku babetshata, ndibona udadewethu epheka ukutya, ndibona noHeinz eme ecaleni kwehashe lakhe. Ukuba nale mibono kundinceda ndingacingi ngezinto ezingakhiyo, ndize ndibe nombulelo kuYehova.
Xa ndicinga ngobomi bam nezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo, ndiyavumelana namazwi kaDavide akwiNdumiso 27:13, 14, athi: “Ngendiphi ukuba bendingenalo ukholo lokuba ndiza kubona ukulunga kukaYehova kwilizwe labaphilayo? Thembela ngoYehova; yiba nesibindi nentliziyo eyomeleleyo. Ndithi, thembela ngoYehova.”
a Jonga ibali lobomi likaTatjana Vileyska kuVukani! wesiNgesi kaDisemba 22, 2000, iphe. 20-24.