Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo
Bazalwana Noodade Abathandekayo:
“NGAMANA ningaba nobubele obungasifanelanga noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu neNkosi uYesu Kristu.” (1 Kor. 1:3) Sililangazelela ngokwenene ixesha laxa yonke into ephefumlayo iya kunika uYehova uzuko olumfaneleyo! (INdu. 150:6) Njengoko silindele loo mini inkulu ngokwenene, siyaqhubeka nokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo nokwenza abafundi.
Umsebenzi wokushumayela uyeyona nto iphambili uYehova afuna yenziwe emhlabeni kule mihla. (Mar. 13:10) Ngenxa yokuba siyiqonda kakuhle indlela uYehova awuthanda ngayo lo msebenzi, sisoloko sithandazela amandla avela kuye xa siwenza, siqonda ukuba mntu ngamnye unethuba lokungenelwa kwilungiselelo lentlawulelo. (ISityhi. 14:6, 7, 14, 15) Enyanisweni, siye sidibane nocelomngeni, kodwa sinombulelo ongazenzisiyo ngenxa yokuba ‘sambathiswe ngamandla avela phezulu’ ukuze siphumeze lo msebenzi!—Luka 24:49.
Kuvuyisa ngokwenene ukukhangela emva kunyaka wenkonzo odluleyo uze ucinge ngoko uYehova akuphumezileyo esebenzisa abakhonzi bakhe abathembekileyo. Besomelezwa ngumoya oyingcwele, abantu bakaThixo baye babonisa uthando olufana nolukaKristu, besoyisa intiyo ehlabathini lonke. Olo thando luye lwabonakala kwiindibano zesithili ebesinazo. Ukususela ngoJuni ukuya kutsho ngoDisemba 2003, iindwendwe ezivela kumazwe angaphezu kwekhulu ziye zaya kwiindibano zezizwe ngezizwe ezingama-32 eziye zaqhutyelwa kumazwekazi amathandathu. Kwezi ndibano zezizwe ngezizwe nezesithili kuye kwadliwan’ indlebe nabavangeli basemazweni, abakhonzi bamazwe ngamazwe nabasebenzi baseBheteli abakumazwe asemzini.
Enye into esiye sayifumana kwezi ndibano yimpapasho ethi ‘Khawubone Eli Lizwe Lihle’ nethi Funda KuMfundisi Omkhulu. Kanti, kuye kwenziwa isaziso sokuba incwadi ehlaziyiweyo Yesikolo Senkonzo Yobuvulindlela iza kuqala ukusetyenziswa ngasekupheleni konyaka wenkonzo wama-2004. Ngokuthe ngcembe, oovulindlela abasele benethuba kule nkonzo nabasele beyile esikolweni baza kungena kwiiklasi ezinoovulindlela abasandul’ ukuqala.
Inkxaso kaThixo nokuba nezandla ezivulekileyo kwabazalwana kuye kwenza kwalula ukwakhiwa kweeHolo zoBukumkani ezininzi, ingakumbi kumazwe angathathi ntweni ngokwezimali. Ngenxa yokwanda kwemfuno yokutya kokomoya ehlabathini lonke, kumazwe amaninzi kwandiswa amasebe. Sithethanje incwadana enemifanekiso ethi Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade! ifumaneka ngeelwimi ezingama-299, yaye kushicilelwe imibhalo eli-139 lezigidi; sele kushicilelwe imibhalo engaphezu kwama-93 ezigidi yencwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade ngeelwimi ezili-161; yaye kuye kwashicilelwa imibhalo engaphezu kwama-200 ezigidi yencwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? ngeelwimi ezingama-267.
Sibamkela ngokufudumeleyo abangama-258 845 abaye babonisa ukuzahlulela kwabo ngokubhaptizwa emanzini kunyaka wenkonzo odluleyo! Nakuba ukuxhasa kwenu uBukumkani bukaThixo kuye kwanenza amaxhoba akhethekileyo entiyo kaSathana, kwakhona kunenze nanelungelo lokufumana intsikelelo kaYehova nokukhuselwa ngokomoya njengoko nibaleka ugqatso olubekwe phambi kwenu. (Heb. 12:1, 2; ISityhi. 12:17) Ewe, qinisekani ukuba, ‘akunakwenzeka ukuba Lowo unilindileyo ozele.’—INdu. 121:3.
Umxholo wonyaka wama-2004 othi, “Hlalani nilindile . . . Hlalani nilungile,” usexesheni. (Mat. 24:42, 44) KwiLizwi likaThixo amaKristu achazwa njengabemi bokwexeshana kule nkqubo yezinto iphelayo. (1 Pet. 2:11; 4:7) Ngenxa yoko, kufuneka sihlale sithe qwaa, siphile ubomi obulula size sizihlolisise kakuhle iintliziyo zethu. “Inamba enkulu” ifuna ukusiqwenga, ukuze siphelele kule nkqubo yezinto ilawulwa yiyo.—ISityhi. 12:9.
Into enokusinceda sihlale siphaphile kukufunda iBhayibhile imihla ngemihla. Kunokunceda ekubeni ‘uEwe wethu abe nguEwe’ ngokuphathelele uzahlulelo lwethu ‘nasekubambeleleni nkqi kwintembelo esasinayo ekuqaleni, siqinise kude kuse ekupheleni.’ (Yak. 5:12; Heb. 3:14) Ukufunda iBhayibhile imihla ngemihla kunokusinceda sikhumbule umkhamo abaye abantu behlabathi bayishiya ngawo imilinganiselo kaThixo engaguquguqukiyo. (Mal. 3:6; 2 Tim. 3:1, 13) Ulwazi lweBhayibhile lunokusinceda siphephe “amabali obuxoki ayilwe ngobuqhetseba” size sihlale sithembekile kuYehova.—2 Pet. 1:16; 3:11.
Bazali, njengoko nikhulisela abantwana benu kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova, ngaba niyabanceda bazibekele usukelo lokomoya baze ‘bahlale belindile’? (Efe. 6:4) Ngaba nibaqeqeshela ukuba bajonge ikamva labo njengoko wenzayo oyena mntu ulumkileyo kwabakha banyathela emhlabeni? UYesu ngewaba lichule lomchweli, umyili, okanye oyena gqirha uphum’ izandla kwabakha baphila, kodwa endaweni yoko waqhubeka nobulungiseleli bexesha elizeleyo. Ngamana umzekelo wakhe ungakushukumisela ukuba uncede abantwana bakho bazibeke kwindawo yokuqala ebomini babo izilangazelelo zoBukumkani.
Udidi lwekhoboka elithembekileyo, elimelwa liQumrhu Elilawulayo, luvakalisa umbulelo ongazenzisiyo ‘kwisihlwele esikhulu’ ngokuluncedisa ekuphumezeni imbopheleleko yalo ‘yokushumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani kuwo wonke umhlaba omiweyo ukuze kube bubungqina.’ (ISityhi. 7:9; Mat. 24:14, 45) UYehova uyaniqinisekisa nina bathandekayo ngelokuba uyawukhumbula “umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe, ngokuthi nilungiselele abangcwele yaye nisaqhubeka nibalungiselela.” (Heb. 6:10) Njengoko nifunda la mava achukumisayo nize nibone imiphumo yokusebenza kwenu ngomanyano kumaphepha alandelayo, yazini ukuba nani nibe negalelo elibonakalayo ekunikelweni kobungqina ehlabathini lonke.
Ngamana ningakhangela phambili kwikamva ngenkalipho njengoko niqhubeka ‘nikhangele ngenyameko emvuzweni,’ ningavumeli mntu okanye idemon iniphulukanise nawo. (Heb. 11:26; Kol. 2:18) Ewe, thembelani kuYehova, niqinisekile ukuba uya kunceda bonke abo bamthandayo ukuba bafumane ubomi obungunaphakade.—Yoh. 6:48-54.
Qinisekani ukuba siyakuvuyela ukusebenza nani ukuze kuzukiswe uYehova.
Abazalwana benu,
IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova