IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yb05 iphe. 3-5
  • Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo
  • Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2005
  • Amanqaku Afanayo
  • Iimbalasane Zonyaka Odluleyo
    Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2005
  • Iimbalasane Zonyaka Odluleyo
    Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2006
  • Iimbalasane Zonyaka Odluleyo
    Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2001
  • Iimbalasane Zonyaka Odluleyo
    Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2009
Khangela Okunye
Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2005
yb05 iphe. 3-5

Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

NJENGOKO inkqubo entsha yezinto sele isemnyango, kungxamisekile ukuba silindele kuYehova. (Zef. 3:8) Umprofeti uDaniyeli wathi ‘uThixo nguMtyhili weemfihlelo, yaye usazisile okuya kwenzeka ekupheleni kwemihla.’ (Dan. 2:28) Kulilungelo ngokwenene ukuphila ekupheleni kwelo xesha lalichazwe kwangaphambili nokuqonda iimfihlelo ezityhilwa nguYehova!

‘Ngekhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ uYehova uyityhile ngokuthe ngcembe injongo yakhe yokuhlanganisa “isihlwele esikhulu” sezizwe ngezizwe ebudeni bale ‘mihla yokugqibela’ izele ziinkathazo. (Mat. 24:45; ISityhi. 7:9; 2 Tim. 3:1) UIsaya 2:2, 3 uchaza oku kuhlanganiswa njengokwenzeka “ekupheleni kwemihla.” Nyaka ngamnye oku kuhlanganiswa kuyaqhubeka nakuba kukho izidubedube nogonyamelo kweli hlabathi.

Kulo nyaka wama-2004, siye sachazelwa ngemfuneko yokuthobela amazwi kaYesu athi: “Hlalani nilindile . . . Hlalani nilungile.” (Mat. 24:42, 44) Ngokwenene, oko kwenzeka ehlabathini kunentsingiselo engakumbi kumaKristu, ayaziyo “imiqondiso yamaxesha” nasabela ngendlela efanelekileyo. (Mat. 16:1-3) Ukuze azalisekise iLizwi lakhe, uYehova uya kuqhubeka enabantu bakhe abalungelelaniswe lulawulo lobuthixo enoba bajamelana nenkcaso enjani.

Enoba abanye abantu bazama kangakanani ukuthintela ukuvakaliswa koBukumkani, abazalwana bethu bayaqhubeka bethetha inyaniso baze bahlanganisane. (IZe. 5:19, 20; Heb. 10:24, 25) ERashiya ngoJuni 2004, inkundla yezibheno eMoscow yema nesigqibo senkundla engaphantsi sokuvala umsebenzi wamaNgqina kaYehova nokuvala umbutho wawo ongokwasemthethweni kweso sixeko. Noko ke, abazalwana abothuswanga koko, kuba bayakwazi oko uThixo akufunayo kubo yaye bathobela yena njengoMlawuli kunabantu. (IZe. 5:29) Siqinisekile ukuba uYehova uya kubalathisa abakhonzi bakhe xa bejamelene nemithetho eqatha.

KwiRiphabliki yaseGeorgia kule minyaka imbalwa idluleyo, abazalwana baye baphulukana nezinto zabo, baphathwa ngogonyamelo ngamahlokondiba baza batshiselwa noncwadi lwabo. Kodwa asikho isixhobo esenzelwe bona esiye saphumelela. (Isa. 54:17) Ebudeni bonyaka wenkonzo wama-2004 amaNgqina kaYehova aye amkelwa ngokusemthethweni eGeorgia. Iindibano zesithili ziye zaqhutywa ngaphandle kweziphazamiso, kanti noncwadi lungena ngokukhululekileyo kwelo lizwe. Kuye kwanikelwa ingxelo yencopho entsha yabavakalisi nababekho kwiSikhumbuzo.

EArmenia, e-Eritrea, kwiRiphabliki yaseKorea, eRwanda, naseTurkmenistan, abazalwana baye bavalelwa ngenxa yokholo lwabo. Nakuba beye baphathwa kakubi, bayasazi isizathu esingokweZibhalo saloo mpatho, nto leyo ebanceda bagcine ingqibelelo yabo njengoko bethembele kuYehova.—1 Pet. 1:6; 2 Pet. 2:9.

Njengoko ufunda iiMbalasane Zonyaka Odluleyo uze uhlolisise Ingxelo Yehlabathi Yowama-2004, uya kuvuyiswa kukulunga kukaYehova. (INdu. 31:19; 65:11) Siyathemba ukuba le Ncwadi Yonyaka iya kukukhuthaza ukuba uqhubeke uhamba ngendlela ekholisa uThixo.—1 Tes. 4:1.

Kusaqhutyekwa nemigudu yokufikelela zonke iindidi zabantu ngenyaniso. Ngokomzekelo, kuye kwalungiselelwa iividiyo, iiDVD, nezinye izixhobo zentetho yezandla neempapasho zeBraille ukuze kuncedwe abazizithulu neemfama. Abavakalisi abaninzi boBukumkani baye bafunda iilwimi ezithethwa ngabantu basemzini abahlala kwintsimi yebandla labo.

Ukongezelela, kuye kwasekwa amakhulukhulu amaqela akwanti kwimimandla engafikeleleki lula. Elinye isebe linamaqela akwanti angaphezu kwama-300 abunjwa ngabavakalisi abangaphezu kwama-7 000. Ngokwenene oku kubonisa ukuba kunokuvela intaphane yamabandla apho! Ukongezelela, kwabangama-16 760 607 abebeze eSikhumbuzweni kulo nyaka wenkonzo, abangaphezu kwezigidi ezili-10 babengengomaNgqina. Oku kubonisa ngamandla ukuba isivuno sele silungile.

Siyambulela uYehova ngentsikelelo yakhe nendlela asinyamekela ngothando ngayo mihla le. (IMize. 10:22; Mal. 3:10; 1 Pet. 5:7) Njengoko siqhubeka simanyene “ekupheleni kwemihla,” sithembele ngoYehova. Enoba singajamelana naziphi iingxaki, masikhumbule umxholo wonyaka wama-2005: “Uncedo lwam luvela kuYehova.” (INdu. 121:2) Qinisekani ukuba siyanithanda yaye siya kuqhubeka sinithandazela.

Abazalwana benu,

IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share