EBolivia: Kwakhiwa iofisi yokuguqulela isiAymara e-El Alto
Iimbalasane Zonyaka Odlulileyo
UISAYA 9:7 uthi xa ecacisa oko uThixo aya kukuphumeza ngoBukumkani bakhe, “Inzondelelo kaYehova wemikhosi iya kukwenza oku.” Ngokufanayo, naye uYesu Kristu, uKumkani wobo Bukumkani, wayenenzondelelo kakhulu ngonqulo lokwenyaniso ngalo lonke ixesha lobulungiseleli bakhe apha emhlabeni. (Yoh. 2:17) Ezi ngxelo zilandelayo zibonisa indlela amaNgqina kaYehova emhlabeni wonke aye axelisa ngayo inzondelelo kaYehova noYesu ngokunceda abantu babone uthando lukaBawo wabo wasezulwini.
E-El Salvador: Indibano yengingqi ka-2015