ULUTSHA LUYABUZA
Ngaba ndifanele ndenze izinto ezininzi ngexesha elinye?
Ngaba uyakwazi ukwenza izinto ezininzi ngexesha elinye?
Ngaba uyakwazi ukwenza izinto ezininzi ngexesha elinye? Abantu abaninzi bacinga ukuba abantu abakhule besebenzisa iteknoloji bayakwazi ukwenza izinto ezininzi ngexesha elinye kunabo bayisebenzise sele bebadala. Kodwa ke ngaba yinyani loo nto?
YINYANI okanye BUBUXOKI?
Ukwenza izinto ezininzi ngexesha elinye kukunceda uyigqibe ngokukhawuleza imisebenzi yakho.
Xa uziqhelisa ukwenza izinto ezininzi ngexesha elinye uza kutsho ukwazi nangakumbi.
Abantwana bayakwazi ukwenza izinto ezininzi ngaphezu kwabantu abadala.
Ukuba uphendule wathi yinyani kwenye yezi zinto zithethwa apha, usenokuba uqhathwe yinto yokuba kusithiwa ungakwazi ukwenza izinto ezininzi ngexesha elinye.
Ubuxoki ngokwenza izinto ezininzi ngexesha elinye
Ucinga ukuba ungakwazi ukwenza izinto ezimbini ngexesha elinye? Mhlawumbi ungakwazi ukwenza izinto ezininzi ngexesha elinye ukuba enye yazo ayizufuna ixesha elininzi. Ngokomzekelo, ungakwazi ukuklina indlu yakho umamele umculo.
Kodwa xa uzama ukwenza imisebenzi emibini ngexesha elinye efuna usebenzise ingqondo, usenokuphela ungenzi nomnye kakuhle. Mhlawumbi yiloo nto ibhinqa elinguKatherine lisithi ukwenza imisebenzi emininzi ngexesha elinye kuthetha ukuyimosha yonke.
“Bendincokola nomnye umfana kwaza kwangena umyalezo efowunini ebekufuneka ndiwuphendule ndiye ndazama ukuzenza zombini. Ngenxa yaloo nto, ndiye ndaphantse andayiva yonke into ebeyithetha, nomyalezo ebendiwubhala khange ndiwubhale kakuhle.”—UCaleb.
USherry Turkle osebenza ngeteknoloji uthi: “Xa sicinga ukuba singakwazi ukwenza imisebenzi emininzi ngexesha elinye sivele singayenzi kakuhle yonke. Ukwenza izinto ezininzi ngexesha elinye kukwenza ube semdleni ucinge ukuba uyenza kakuhle, kodwa ube uyimosha yonke.a
“Ngamanye amaxesha ndiye ndicinge ukuba ndenza into entle ngokubhala umyalezo ndithetha nomntu kodwa ndizibone sendiphendula lento bendifanele ukuba ndiyibhale kumyalezo, ndize ndibhale kumyalezo lento bendifanele ndiyiphendule kulo mntu. —UTamara.
Abantu abazimisele ukwenza imisebenzi emininzi ngexesha elinye bazenzela izinto nzima ngokwabo. Ngokomzekelo ukwenza umsebenzi wabo wesikolo kubathatha ixesha elide. Okanye kusenokufuneka bachithe ixesha besenza umsebenzi abasele bewenzile. Abantu abenza izinto ezininzi ngexesha elinye baye bathathe ixesha elide xa bezenza ezo zinto okanye kufuneke baphinde bazenze, ibe loo nto iye yenze babe nexesha elincinci elishiyekileyo lokwenza ezinye izinto.
Ukuba ingqondo yomntu ifaniswa nekhabhathi eneefayile ezipakishwe kakuhle eyomntu owenza izinto ezininzi ngexesha elinye ifaniswa nekhabhati eneefayile ezithe saa.b
“Xa uzama ukwenza imisebenzi emininzi ngexesha elinye ikhona eye ingenzeki kakuhle. Loo nto iza kubangela ube nomsebenzi omninzi ize ikutyele nexesha.”—UTeresa.
Ukuzama ukwenza izinto ezininzi ngexesha elinye kufana nokuqhuba imoto kwiindlela ezimbini ngexesha elinye
Indlela ebhetele
Zifundise ukwenza into ibenye ngexesha. Lento isenokuba nzima ingakumbi ukuba ubuqhele ukwenza izinto ezininzi ngexesha elinye njengokubhala imiyalezo xa ufunda. Kodwa iBhayibhile ithi kufuneka ‘siqiniseke ngezona zinto zibalulekileyo.’ (Filipi 1:10) Imisebenzi esiyenzayo ayifani ngoko kufuneka ugqibe ukuba yeyiphi eyona ibalulekileyo uze uyenze de uyigqibe.
“Ingqondo ecinga izinto ezininzi ngexesha elinye ifana nomntwana omncinci. Nangona kusenokuba lula uvele uyiyeke icinge loo nto ifuna ukuyicinga kodwa ufanele uyinqande.—UMaria.
Susa izinto ezinokukuphazamisa. Xa ufunda ngaba unomdla wokujonga ifowuni yakho? Yibeke kwenye indlu. Cima iTV ungazivuli iiwebhsayithi zokuncokola. IBhayibhile ithi: “Nilisebenzise kakuhle ixesha lenu.”—Kolose 4:5.
“Kulula kum ukwenza into enye ngexesha, ndiye ndiyigqibe into endiyenzayo ndize ndidlulele kwenye ibe loo nto indenza ndonwabe.”—UOnya.
Mamela xa kuncokolwa. Ukucofa ifowuni yakho xa uncokola nomntu kuyaphazamisa ibe kukungabi nambeko. IBhayibhile ithi masibaphathe abanye ngendlela esifunwa ukuphathwa ngayo.—Mateyu 7:12.
“Ngamanye amaxesha xa ndithetha nomntasekhaya, sube ebhalela omnye umntu okanye esenza enye into efowunini yakhe. Indidika nyhani loo nto! Xa ndithetha inyani, nam ndiyayenza loo nto!”—UDavid.