IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g21 No. 2 iphe. 13-15
  • ITeknoloji Ingayingxaki Njani Kwindlela Ocinga Ngayo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ITeknoloji Ingayingxaki Njani Kwindlela Ocinga Ngayo?
  • Vukani!—2021
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • INTO OMELE UYAZI
  • INTO ONOKUYENZA
  • Ngaba ndifanele ndenze izinto ezininzi ngexesha elinye?
    Ulutsha Luyabuza
  • Ukuyisebenzisa Kakuhle Iteknoloji
    Ukunceda Iintsapho
  • Ukubaluleka Kokuba Wedwa
    Vukani!—1998
  • Ukusebenzisa Ezobugcisa Ngendlela Efanelekileyo Nelinganiselweyo
    Vukani!—2009
Khangela Okunye
Vukani!—2021
g21 No. 2 iphe. 13-15
Indoda ibukele ividiyo embonisa indlela yokupheka.

Iteknoloji Ingayingxaki Njani Kwindlela Ocinga Ngayo?

Abantu basoloko befunda enoba bafundela—isikolo, umsebenzi okanye ezinye izinto. Iteknoloji ingabanceda abantu bafunde. Zange kwakhe kwalula kangaka ukufunda izinto ezininzi ungakhange uphume endlini okanye uphakame esitulweni.

Kodwa ke abantu abaninzi abayisebenzisa kakhulu iteknoloji bafumanise ukuba . . .

  • kuye kubenzima ukungaphazamiseki xa befunda.

  • kuye kubenzima nokwenza into ibenye ngexesha.

  • bakhawuleza babe nesithukuthezi xa bebodwa.

INTO OMELE UYAZI

Intombi yenza izinto ezininzi ngexesha elinye. Ubhala imessage efowunini yakhe, uncokola kwividiyo nomhlobo wakhe, aze asebenzise ikhompyutha nencwadi ukuze afunde.

XA UFUNDA

Abantu abazisebenzise kakhulu izixhobo ze-elektroniki ngamanye amaxesha baye bangabi nawo umonde wokuyifunda yonke incwadi, ngoko baye bafunde nje ukuze bafumane eyona nto kuthethwa ngayo.

Akhongxaki ukufunda ngoluhlobo xa ufuna impendulo ekhawulezileyo, kodwa ibakhona xa le nto uyifundileyo kufuneka uyicingisise kakuhle.

CINGA NGALE NTO: Uyakwazi na ukufunda into ende? Ukufunda ngoluhlobo kungakunceda njani ufunde kakuhle?—IMIZEKELISO 18:15.

UKUNIKELA INGQALELO

Abanye abantu bacinga ukuba iteknoloji inokubanceda bakwazi ukwenza izinto ezimbini ngexesha elinye—ngokomzekelo, ukubhalela abahlobo babo ngoxa befunda. Kodwa xa besenza izinto ezininzi ngexesha elinye basenokungayenzi kakuhle yonke loo misebenzi, ingakumbi ukuba kufuneka kusetyenziswe ingqondo.

Nangona kunzima ukunikela ingqalelo singaphazamiseki, kusinceda sifunde. UGrace osemtsha uthi “uye ungenzi mpazamo zingako uze ungabi naso kakhulu istres.” “Ndiye ndafunda ukuba kubhetele ukunikela ingqalelo kwinto enye ngexesha uze uphephe iziphazamiso.”

CINGA NGALE NTO: Ngaba iteknoloji yenza kubenzima ukuba unikele ingqalelo uze ukhumbule into obuyifunda?—IMIZEKELISO 17:24.

XA UWEDWA

Abanye abantu abakuthandi ukuba bodwa, ngoko baye basebenzise iteknoloji ukuze bazonwabise. “Umfazi ongu Olivia uyavuma ukuba, ukuba kuphela imizuzu eyi-15 engakhange ajonge ifowuni yakhe, itablet okanye alayite iTV uba nesithukuthezi.

Kodwa ke ukuhlala wedwa kunceda ukwazi ukucingisisa ngezinto—loo nto inceda abantu abadala nabatsha bakwazi ukufunda kakuhle.

CINGA NGALE NTO: Ngaba ixesha lokuba wedwa ulisebenzisa ukuze ucinge?—1 TIMOTI 4:15.

INTO ONOKUYENZA

YIJONGE INDLELA OYISEBENZISA NGAYO ITEKNOLOJI

Ungayisebenzisa njani iteknoloji ukuze ikuncede kwindlela ocinga ngayo? Iteknoloji ingakwenza njani ungakwazi ukunikela ingqalelo uze ufunde?

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Bukhusele ubulumko namandla okucinga.”​—IMIZEKELISO 3:21.

ZIBUZE . . .

  • Ngaba kuba nzima ukuyiqonda into endiyifundayo xa ndifunda into ende kwisixhobo se-elektroniki? Ukuba kunjalo, yintoni eyenza kube nzima?

  • Ndinokwenza ntoni ukuze ndingaphazamiseki?

Icebiso: Funda isiqendu sibe sinye ngexesha uze ufunde ezingakumbi njengoko uqhela. Funda ngokuvakalayo, ufundele phantsi ukuze ucinge ngale nto uyifundayo.

  • Ngaba ndiye ndiziphe ixesha lokucingisisa ngale nto ndiyifundileyo?

Icebiso: Xa ufunda sebenzisa imizuzu eyi-10 yokugqibela ukuze uzikhumbuze ngale nto ubuyifunda.

  • Zeziphi izinto ezinokundenza ndifune ukwenza izinto ezininzi ngexesha elinye?

  • Zintoni endinokuzenza ukuze ndikwazi ukwenza into enye ngexesha?

Icebiso: Xa ufunda zibeke kude izinto ezinokukuphazamisa ukuze ukwazi ukuhoya lento uyifundayo yodwa.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Funa ubulumko, ufune nokuqonda.”​—IMIZEKELISO 4:5.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share