IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwyp inqa. 105
  • Ndingenza njani ukuze ndiyeke ukuba neentloni?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndingenza njani ukuze ndiyeke ukuba neentloni?
  • Ulutsha Luyabuza
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Zazi izinto ezibangela woyike
  • Izinto onokuzenza
  • Kutheni Ndingenabuhlobo Nje?
    Vukani!—1999
  • Ndingenza Njani Ukuze Ndibe Nobuhlobo?
    Vukani!—1999
  • Ndingayiphucula Njani Indlela Endithetha Ngayo Nabantu?
    Ulutsha Luyabuza
  • Ndinokuhlangabezana Njani Nobulolo?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
Khangela Okunye
Ulutsha Luyabuza
ijwyp inqa. 105
Intombazana ihleli yodwa epatini ayincokoli namntu.

ULUTSHA LUYABUZA

Ndingenza Njani Ukuze Ndiyeke Ukuba Neentloni?

Iindaba ezimbi: Ukuba neentloni kungakwenza uphoswe ziitshomi nezinto onokuzenza nazo.

Iindaba ezimnandi: Ukuba neentloni akusoloko kuyinto embi. Kungakunceda ukwazi ukucinga ngaphambi kokuba uthethe ukwazi nokumamela kakuhle.

Iindaba ezibhetele: Ukuba uneentloni ngoku, loo nto ayithethi ukuba uya kuhlala unazo. Ungakwazi ukulwisana nazo. Eli nqaku liza kubonisa indlela onokwenza ngayo.

  • Zazi izinto ezibangela woyike

  • Izinto onokuzenza

  • Oko kuthethwa ngoontanga bakho

Zazi izinto ezibangela woyike

Ukuba neentloni kunokukwenza woyike kwaukuthetha nabantu. Kodwa ukuba ujonga izizathu zokuba woyike, ungabona ukuba akukho nto omele uyoyike. Jonga le mizekelo mithathu.

  • Ixhala #1: “Andazi ukuba mandithethe ngantoni.”

    Inyani: Abantu badla ngokukhumbula indlela obenze baziva ngayo, kunokukhumbula into oyithethileyo. Ungakwazi ukuyeka ukuba nexhala xa ukwazi ukumamela kakuhle, nokuba nomdla kwizinto ezithethwa ngabanye abantu.

    Cinga ngale nto: Ukhetha ukuba netshomi enjani? Ngaba ukhetha esoloko ithetha kakhulu okanye ukhetha ekwaziyo ukumamela kakuhle?

  • Ixhala #2: “Abantu baza kucinga ukuba ndiyadika.”

    Inyani: Abantu baza kuthetha ngawe noba uneentloni okanye awunazo. Ungayeka ukuba nexhala. Ukuba uyathetha, abantu baza kubona ukuba ungumntu onjani ibe loo nto iza kubenza bakwazi bhetele.

    Cinga ngale nto: Ukuba ucinga abantu abakuthandi, ngaba ayinguwe lo ubacingela kakubi?

  • Ixhala #3: “Ndiza kuba neentloni ukuba ndiye ndathetha into erongo.”

    Inyani: Ngamanye amaxesha, le nto yenzeka kuye wonke umntu. Ungayeka ukuba nexhala ukuba uye wathetha into erongo. Loo nto ingakwenza wazi ukuba nawe ungumntu, uyazenza iimpazamo.

    Cinga ngale nto: Ngaba uyakuvuyela ukuhlala nabantu abavumayo ukuba bayazenza iimpazamo?

Ngaba ubusazi? Abanye abantu bacinga ukuba abanazo iintloni kuba bethumela imiyalezo emininzi. Kodwa kulula ukufumana iitshomi xa uthetha nabantu nijongene. Enye ingcali uSherry Turkle uthi: “Abantu bavana kakhulu xa beye babonana ubuso ngobuso baze bathetha.”a

Kwale ntombazana ithetha nabantu abatshatileyo kule pati.

Xa sele uyekile ukoyika uza kubona ukuba ukuncokola nabantu akoyikisi ngale ndlela ubuyicinga

Izinto onokuzenza

  • Kuphephe ukuzithelekisa nabanye. Akunyanzelekanga ukuba ube ngumntu oncokola kakhulu. Endaweni yoko ungazama ukuba ungabi neentloni ukuze ungaphoswa kukuba neetshomi nezinto onokuzifumana kuzo.

    “Xa uncokola akunyanzelekanga ukuba uthethe kakhulu kude kujongwe kuwe. Xa uqala ukubona umntu mxelele igama lakho, okanye ubuze nje imibuzo embalwa.”—UAlicia.

    Umgaqo weBhayibhile: “Mntu ngamnye makajonge izinto ezenziwe nguye angazithelekisi namntu, uza kutsho avuye ngenxa yesiqu sakhe.”—Galati 6:4.

  • Jonga abanye. Jonga abantu abathanda ukuncokola ukuba bathetha njani na nabanye abantu. Yintoni ebancedayo? Yintoni engabancediyo? Zeziphi izinto ozithandayo kubo onokuzenza?

    “Jonga abantu abakwaziyo ukwenza iitshomi, indlela abazenza ngayo izinto, nabathetha ngayo xa beqala ukudibana nomntu.”—UAaron.

    Umgaqo weBhayibhile: “Njengokuba intsimbi ilolwa ngentsimbi nomntu ulola umhlobo wakhe.”—IMizekeliso 27:17.

  • Buza imibuzo. Ukubuza imibuzo yindlela elula yokuqalisa incoko kuba abantu bayakuthanda ukuthetha ngendlela abazibona ngayo izinto ibe loo nto iza kukunceda ungathethi kakhulu.

    “Ukuzilungiselela kusengaphambili kungakunceda ungabi nalo ixhala. Ukuze ungoyiki ukuncokola nabantu oqalayo ukudibana nabo ungacinga ngezinto ofuna ukuthetha ngazo okanye imibuzo ngaphambi kokuba uye epatini.”—UAlana.

    Umgaqo weBhayibhile: “Ningacingeli kuphela iziqu zenu, kodwa nibacingele nabanye.”—Filipi 2:4.

a Ithathwe kwincwadi ethi Reclaiming Conversation..

Oko kuthethwa ngoontanga bakho

UKelsey.

“Qala ngezinto ezincinci ezinjengokuncuma, nokubulisa ibe uya kothuswa yindlela abantu abaza kuphendula ngayo, loo nto iya kwenza kube lula ukuthetha xa uphinda udibana nomnye umntu.”—UKelsey.

URobin.

“Wonke umntu unendlela abanceda ngayo abanye abantu. Kodwa akanakukwazi ukuzibonisa ezo mpawu zintle xa engathethi nabantu.”—URobin.

UVeronica.

“Ukuba ubenza bakhululeke abantu xa bekunye nawe baza kukuthanda nokuba uneentloni. Kuyanceda nokuncuma. Ukuze ubathande abantu kufuneka ujonge iimpawu zabo ezintle.”—UVeronica.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share