Ngaba Abantu Bangakwazi Ukwenza Kubekho Uxolo Emhlabeni?
Kusoloko kukho iimfazwe nemilo eyenzekayo emhlabeni. Ngenxa yaloo nto, iZizwe Ezimanyeneyo nemibutho ezama ukugcina uxoloa isoloko ifuna ukuthumela abantu kwiindawo ekuliwa kuzo. Injongo kukuphelisa imilo apho. UAntónio Guterres, onguNobhala jikelele WeZizwe Ezimanyeneyo uthi: “Ngabo abaphambili okanye abazimisele ukuzisa uxolo emhlabeni wonke.”
Kule minyaka idlulileyo, abantu abazama ukwenza uxolo baye baphumelela ngamanye amaxesha. Ngokomzekelo baye bakhusela abantu abahlala kwezo ndawo, abanye bababuyisela kumazwe abo. Baye babanceda ngezinto abazidingayo, balungisa nezakhiwo ezimoshakeleyo. Kodwa xa bezama ukwenza uxolo, kubakho iingxaki ezibangela lungabikho olo xolo ngokupheleleyo. Ngaba ikhona into enokwenza uxolo olungasoze luphele emhlabeni wonke? Ithini yona iBhayibhile?
Iingxaki ezibangela lungabikho uxolo nendlela ethi iBhayibhile iza kuzilungisa ngayo izinto
Ingxaki: ukungasebenzisani. Akusoloko kulula kwimibutho emininzi esuka kumazwe angafaniyo ukuba ikwazi ukusebenzisana, nokuba yeyasemkhosini okanye yeyabantu belizwe. Ngamanye amaxesha, kuye kube nzima ukuba basebenzisane ngenxa yokuba bengavani, bengacingi ngokufanayo ibe befuna izinto ezingafaniyo.
Indlela ethi iBhayibhile ziza kulungiswa ngayo izinto: “UThixo wezulu uza kumisa ubukumkani. . . . Buza kubutyumza bubuphelise bonke obunye ubukumkani [oorhulumente babantu], buze bona buhlale bukho ngonaphakade.”—Daniyeli 2:44.
Kungekudala, uThixo uzoziphelisa zonke iimfazwe aze abangele kubekho uxolo emhlabeni wonke. (INdumiso 46:8, 9) Uza kubasusa bonke oorhulumente babantu aze endaweni yabo afake urhulumente omnye: uBukumkani bukaThixo. Xa sekulawula urhulumente wasezulwini ozenza kakuhle izinto, emhlabeni azizubakho iingxaki okanye iingxabano. Ngenxa yaloo nto akuzubakho mibutho eyenzelwe ukugcina uxolo ebantwini.
Ingxaki: Izinto azoneli, nabantu banezinto abangakwaziyo ukuzenza. Imibutho yokugcina uxolo ayisoloko inabantu aboneleyo, imali eyoneleyo, okanye ezinye izinto. Loo nto yenza ukuba babe nezinto abangakwaziyo ukuzenza. Abantu abasebenza kwimibutho yokugcina uxolo kufuneka basebenze phantsi kweemeko ezinzima neziyingozi.
Indlela ethi iBhayibhile ziza kulungiswa ngayo izinto: “UThixo weNkosi yethu uYesu Kristu . . . wamhlalisa [uYesu] ngasekunene kwakhe ezulwini, wambeka wangaphezulu kwabo bonke oorhulumente, amagunya, abo banamandla.”—Efese 1:17, 20, 21.
UYehovab uThixo onguSomandla, uye wenza unyana wakhe uYesu Kristu uKumkani woBukumkani bakhe, waza wamnika nezinto aza kuzisebenzisa ukuze aphumelele. (Daniyeli 7:13, 14c) UThixo unike uYesu amandla, ulwazi, ubulumko kunye nokuqonda. UYesu uyabogqitha oorhulumente babantu nemibutho ngezi zinto. (Isaya 11:2) UYesu unawo nomkhosi weengelosi ezinamandla aza kuzisebenzisa. (ISityhilelo 19:14) Akukho nto enokubanzima kakhulu kuye.
UYesu uza kusebenzisa zonke izinto azinikwe nguThixo ukuze angapheleli nje ekupheliseni iingxabano. Uzokwenza abantu bazole, bakhuseleke baze babe noxolo xa bephila phantsi koBukumkani bukaThixo.—Isaya 32:17, 18.
Ingxaki: ukungavunyelwa ngumthetho. Abantu abagcina uxolo baye bangakwazi ukuwenza kakuhle umsebenzi wabo ngenxa yokungacaci kwezinto nokungavunyelwa ngumthetho. Ngenxa yaloo nto baye bangakwazi ukuwenza kakuhle umsebenzi wokukhusela abantu nokwenza ezinye izinto.
Indlela ethi iBhayibhile ziza kulungiswa ngayo izinto: UYesu uthi, “Ndinikwe lonke igunya ezulwini nasemhlabeni.”—Mateyu 28:18.
UThixo uye wamnika uYesu umyalelo negunya lokuba enze kubekho uxolo emhlabeni. (Yohane 5:22) UYesu uzokwenza yonke into ngobulungisa. (Isaya 11:3-5) Ngenxa yaloo nto, iBhayibhile ithi uYesu ‘yiNkosana Yoxolo,’ enoBukumkani obumiselwe “ngokusesikweni nangobulungisa.”—Isaya 9:6, 7.
UBukumkani bukaThixo—buza kuzisa uxolo lokwenene
Imibutho yabantu abagcina uxolo isenokukwazi ukwenza kubekho uxolo okanye iphelise iingxabano kwindawo ezithile. Kodwa ayikwazi ukususa into ebangela ukuba abantu balwe—ukucaphukelana kwabantu okusezintliziyweni.
“Uxolo zange lwabakho kwasekuqaleni, ngoko eyona ngxaki kukuba asinakwazi ukulugcina lungekho.”—UDennis Jett, owayekade engummeli weU.S.
Kwelinye icala, uBukumkani bukaThixo buza kuzisa uxolo lokwenene kuba bubo obuza kususa ukucaphukelana okusezintliziyweni zabantu. Ngokomzekelo xa uYesu wayelapha emhlabeni, wafundisa abafundi bakhe iindlela zokubonisa uxolo nothando kwabanye ngamazwi nangezenzo:
UYesu waphinda wathi bonke abo baza kuba phantsi kolawulo loBukumkani bukaThixo bazobonwa ngokuthandana. IBhayibhile yenza kucace ukuba bonke abo babacaphukelayo abanye abantu abazukubakho xa kulawula uBukumkani bukaThixo:
UYehova uThixo odale zonke iintlobo zabantu nguye kuphela onokwazi ukwenza kubekho uxolo emhlabeni wonke. Ngokungafaniyo nabantu, uBukumkani bakhe buzokwazi ukwenza kubekho uxolo.
a IZizwe Ezimanyeneyo nemibutho zisebenzisa amagama athi “ukwakha uxolo,” “ukwenza uxolo,” “ukuxhasa uxolo,” kunye nelithi “imisebenzi yokwenza uxolo.”
b UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Jonga inqaku elithi “Ngubani UYehova?”
c KuDaniyeli 7:13, 14, igama elithi ‘unyana womntu’ libhekisela kuYesu Kristu.—Mateyu 25:31; 26:63, 64.