Ngaba Linokubakho Ihlabathi Elingenazimfazwe?
KHAWUBE nombono ungasenakuphinda ubone okanye uve imfazwe ehlathuzelis’ amanwele nemiphumo yayo. Khawube nombono ungasenakuphinda uve izithonga zokudubula kwemipu okanye zeebhombu, ungasenakuphinda ubone inyambalala yeembacu ezilambileyo zibaleka, ungasenakuphinda ucinge ukuba wena okanye umntu omthandayo uya kufa kungquzulwano lwenkohlakalo nolungenantsingiselo. Hayi indlela ekuya kuba mnandi ngayo ukuphila kwihlabathi elingenazimfazwe!
Usenokuthi: ‘Liphupha elingenakuzaliseka elo.’ Kanti, kwiminyaka nje embalwa edluleyo umbono wehlabathi elinoxolo ubuqaqambile. Ngowe-1990 nangowe-1991, abaninzi babesithi amazwe asemgubasini wenkqubo entsha yonqabiseko nentsebenziswano. Ebonisa isimo sengqondo saloo maxesha, uGeorge Bush, ngoko owayengumongameli waseUnited States, wathetha izihlandlo ezininzi ngokuvela “kwenkqubo yehlabathi elitsha.”
Kutheni kukho ithemba? IMfazwe Yomlomo iphelile. Ngaphezu kweminyaka engama-40, isisongelo semfazwe yenyukliya besilengalenga ngokuyingozi phezu koluntu njengekrele elijinga ngomsonto ocekethekileyo. Kodwa ngokuphela kobuKomanisi nokuqhekeka kweSoviet Union, isisongelo sokubulawa kwabantu ngenkohlakalo ngenyukliya sibonakala sithe shwaka. Kutsho kwazola ehlabathini.
Kwakukho esinye isizathu esiyintloko sokuba abantu bajonge kwikamva ngethemba, nesokuba kube kusenjalo kwabaninzi. Kangangamashumi amane eminyaka ukhuphiswano phakathi kweMpuma neNtshona luye lwenza iZizwe Ezimanyeneyo zangumbutho weengxoxo. Kodwa ukuphela kweMfazwe Yomlomo kwakhulula iZizwe Ezimanyeneyo ukuba zenze oko zaziyilelwe kona—ukusebenzela ukuzisa uxolo nonqabiseko lwezizwe ngezizwe.
Kwiminyaka yakutshanje iZizwe Ezimanyeneyo ziye zaqinisa imigudu yazo yokudambisa imfazwe. Zixhotyiswe ngemikhosi ephuma kwamanye amazwe angamalungu azo, iZizwe Ezimanyeneyo ziye zabandakanyeka kwimisebenzi engakumbi yokulondoloza uxolo kwiminyaka emi-4 engaphambi kowe-1994 kuneminyaka engama-44 engaphambi kwayo. Abantu nje abaqhelekileyo abamalunga nama-70 000 namajoni baye benza imisebenzi engaphezu kwe-17 ehlabathini lonke. Kwiminyaka nje emibini, iindleko zokulondoloza uxolo ziye zaphindaphindeka ngakumbi zaziirandi ezingamawaka ali-12 ezigidi ngowe-1994.
UBoutros Boutros-Ghali, unobhala jikelele weZizwe Ezimanyeneyo, kutshanje ubhale wenjenje: “Kukho iimpawu zokuba inkqubo yokhuseleko olumanyeneyo eyamiselwa eSan Francisco phantse kwiminyaka engama-50 eyadlulayo [ekusekweni kweZizwe Ezimanyeneyo] ekugqibeleni iyasebenza ngendlela eyasekwa ngayo . . . Sisendleleni yokuzuza inkqubo esebenzayo yezizwe ngezizwe.” Phezu kwayo nje le nkqubela, umbono wenkqubo yehlabathi elitsha uthi shwaka ngokukhawuleza. Kwenzeke ntoni kumathemba amfiliba ehlabathi elingenazimfazwe? Ngaba sikho isizathu sokukholelwa ukuba siya kuze silubone uxolo lomhlaba wonke? Amanqaku alandelayo aza kuxubusha ngale mibuzo.
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 3]
War planes: USAF photo
Anti-aircraft guns: U.S. National Archives photo