IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwbq inqa. 80
  • Ngaba Ixesha Esifa Ngalo Libekwe Kwangaphambili?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ixesha Esifa Ngalo Libekwe Kwangaphambili?
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Ikamva Lakho Limiselwe Kwangaphambili?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • INtshumayeli 3:11—“Yonke Into Uyenze Yantle Ngexesha Layo”
    Kucaciswa Iivesi ZeBhayibhile
  • Yonke Into Inexesha Layo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Ngaba Ikamva Lethu Limiselwe Kwangaphambili?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
Khangela Okunye
Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
ijwbq inqa. 80
Umntu ofakwa kwiamblensi njengoko abanye bebukele

Ngaba Ixesha Esifa Ngalo Libekwe Kwangaphambili?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Akunjalo. Ixesha esiza kufa ngalo alibekwanga kwangaphambili. Kunokuba sikholelwe oko, iBhayibhile ithi ukufa kubangelwa “lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.”—INtshumayeli 9:11.

Kanti iBhayibhile ayithi kukho ‘ixesha lokufa’?

Ewe iyatsho, kwiNtshumayeli 3:2 kubhalwe oku: “Kukho ixesha lokuzalwa nexesha lokufa; kukho ixesha lokutyala nexesha lokuncothula oko bekutyaliwe.” Eyona nto ithethwa yile vesi kukuba, kukho izinto ezihlala zikho okanye ezihlala zisenzeka ebomini. (INtshumayeli 3:1-8) UThixo akabekanga xesha esiza kufa ngalo. Okona kubalulekileyo kukuba asimele sizixakekise ngezinto ezingenamsebenzi kangangokuba simlibale uMdali wethu.—INtshumayeli 3:11; 12:1, 13.

Ubomi bunokwandiswa

Nakubeni ubomi esibuphilayo bunamahla-ndinyuka, sinako ukubandisa ukuba senza izigqibo zobulumko. IBhayibhile ithi: “Umthetho wesilumko ngumthombo wobomi, ukuze kususwe ubani kwimigibe yokufa.” (IMizekeliso 13:14) Ngendlela efanayo, uMoses waxelela amaSirayeli ukuba ‘yayinokolulwa imihla yawo’ ukuba ayenokuthobela uThixo. (Duteronomi 6:2) Kodwa ke, sinokuyicutha imihla yobomi bethu xa sisenza ngokungakhathali.—INtshumayeli 7:17.

Enoba silumke kangakanani na, asikwazi ukukubaleka ukufa. (Roma 5:12) Kungekudala le meko iza kutshintsha, ngoba iBhayibhile ithembisa ukuba ‘akusayi kubakho kufa.’—ISityhilelo 21:4.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share