NgoLwesihlanu, Oktobha 24
Nantsi eyona nto ibalulekileyo: Thandanani ngokusuka entliziyweni, kuba uthando logquma izono ezininzi.—1 Pet. 4:8.
Igama eliguqulelwe ngokuthi “ngokusuka entliziyweni,” awalisebenzisayo apha umpostile uPetros ngokoqobo lithetha “ukolula.” Xa iqhubeka le vesi ichaza into enokwenziwa lolu thando xa sinalo. Lunokuzogquma izono zabazalwana noodade. Khawube nombono wetafile enamabala amaninzi angasukiyo. Ungakwazi ukuthatha ilaphu ulolule ukuze uwogqume. Ngendlela efanayo ke, ukuba sibathanda kakhulu ngokusuk’ entliziyweni abazalwana noodade, sinokogquma okanye sixolele “izono ezininzi” abazenzayo. Simele sibathande kakhulu abazalwana noodade ukuze sikwazi ukubaxolela xa besenza iimpazamo, nokuba kukhe kungabi lula ngamanye amaxesha. (Kol. 3:13) Xa sibaxolela sibonisa indlela esibathanda kakhulu ngayo nokuba sifuna ukuvuyisa uYehova. w23.11 11-12 ¶13-15
NgoMgqibelo, Oktobha 25
UShafan wayifunda phambi kokumkani.—2 Kron. 34:18.
Xa uKumkani uYosiya wayena-26, wathi makulungiswe itempile. Xa yayilungiswa, kwabhaqwa “incwadi yoMthetho kaYehova eyayidluliselwe ngoMoses.” Akuyiva ifundwa, ukumkani wakhawuleza wazenza izinto ezazibhalwe kuyo. (2 Kron. 34:14, 19-21) Wena, uyafuna ukuyifunda qho iBhayibhile? Mhlawumbi sowuzama. Ngaba kumnandi ukuyifunda? Uyazigcina iivesi ezinokukunceda? Xa uYosiya wayeneminyaka emalunga neyi-39, wenza impazamo eyamenza wabulawa. Kunokuba abuze kuYehova, wazithemba. (2 Kron. 35:20-25) Ikhona into esiyifundayo kule nto. Nokuba sibadala kangakanani okanye sineminyaka emingaphi sifunda iBhayibhile, masingayeki ukumfuna uYehova. Loo nto ithetha ukuba masihlale sithandaza, simcele asibonise indlela, sifunde iLizwi lakhe size sivume nokucetyiswa ngamaKristu anokholo oluqinileyo. Xa sizenza ezi zinto, asinakufane sizenze iimpazamo ezinkulu futhi sinokonwaba.—Yak. 1:25. w23.09 12 ¶15-16
NgeCawa, Oktobha 26
UThixo akabathandi abantu abanekratshi, kodwa ubenzela ububele abo bathobekileyo.—Yak. 4:6.
IBhayibhile ithetha ngamabhinqa amaninzi awayethanda uYehova futhi emkhonza. ‘Ayengabaxi xa esenza izinto’ futhi ‘ayethembeke kuyo yonke into,’ njengoko usitsho uMbhalo elisekelwe kuwo eli nqaku. (1 Tim. 3:11) Nasebandleni banokuba khona oodade abathanda uYehova, abanokufunda izinto ezininzi kubo oodade abasebatsha. Nina boodade abasebatsha, khanicinge ngoodade enibaziyo abaqhuba kakuhle eninokubalinganisa. Qwalaselani iimpawu zabo ezintle, nize nicinge ukuba ninokwenza ntoni ukuze nani nibe nazo. Uphawu olubalulekileyo amele abe nalo amaKristu kukuthobeka. Ukuba udade uthobekile, uza kuthandwa nguYehova nangabanye abantu. Ngokomzekelo, ibhinqa elimthandayo uYehova nelithobekileyo liza kulandela umyalelo wobuntloko obekwe nguTata wakhe osezulwini (1 Kor. 11:3) Lo myalelo uchaza ukuba ngubani omele akhokele ebandleni nasentsatsheni. w23.12 18-19 ¶3-5