IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
Wamkelekile.
Esi sisixhobo sokuphanda kwiincwadi eziveliswe ngamaNgqina kaYehova ngeelwimi ezahlukahlukeneyo.
Xa ufuna ukudawunlowda iincwadi, sicela ungene kwi- jw.org.
  • Namhlanje

NgoMgqibelo, Oktobha 25

UShafan wayifunda phambi kokumkani.—2 Kron. 34:18.

Xa uKumkani uYosiya wayena-26, wathi makulungiswe itempile. Xa yayilungiswa, kwabhaqwa “incwadi yoMthetho kaYehova eyayidluliselwe ngoMoses.” Akuyiva ifundwa, ukumkani wakhawuleza wazenza izinto ezazibhalwe kuyo. (2 Kron. 34:​14, 19-21) Wena, uyafuna ukuyifunda qho iBhayibhile? Mhlawumbi sowuzama. Ngaba kumnandi ukuyifunda? Uyazigcina iivesi ezinokukunceda? Xa uYosiya wayeneminyaka emalunga neyi-39, wenza impazamo eyamenza wabulawa. Kunokuba abuze kuYehova, wazithemba. (2 Kron. 35:​20-25) Ikhona into esiyifundayo kule nto. Nokuba sibadala kangakanani okanye sineminyaka emingaphi sifunda iBhayibhile, masingayeki ukumfuna uYehova. Loo nto ithetha ukuba masihlale sithandaza, simcele asibonise indlela, sifunde iLizwi lakhe size sivume nokucetyiswa ngamaKristu anokholo oluqinileyo. Xa sizenza ezi zinto, asinakufane sizenze iimpazamo ezinkulu futhi sinokonwaba.​—Yak. 1:25. w23.09 12 ¶15-16

Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2025

NgeCawa, Oktobha 26

UThixo akabathandi abantu abanekratshi, kodwa ubenzela ububele abo bathobekileyo.—Yak. 4:6.

IBhayibhile ithetha ngamabhinqa amaninzi awayethanda uYehova futhi emkhonza. ‘Ayengabaxi xa esenza izinto’ futhi ‘ayethembeke kuyo yonke into,’ njengoko usitsho uMbhalo elisekelwe kuwo eli nqaku. (1 Tim. 3:11) Nasebandleni banokuba khona oodade abathanda uYehova, abanokufunda izinto ezininzi kubo oodade abasebatsha. Nina boodade abasebatsha, khanicinge ngoodade enibaziyo abaqhuba kakuhle eninokubalinganisa. Qwalaselani iimpawu zabo ezintle, nize nicinge ukuba ninokwenza ntoni ukuze nani nibe nazo. Uphawu olubalulekileyo amele abe nalo amaKristu kukuthobeka. Ukuba udade uthobekile, uza kuthandwa nguYehova nangabanye abantu. Ngokomzekelo, ibhinqa elimthandayo uYehova nelithobekileyo liza kulandela umyalelo wobuntloko obekwe nguTata wakhe osezulwini (1 Kor. 11:3) Lo myalelo uchaza ukuba ngubani omele akhokele ebandleni nasentsatsheni. w23.12 18-19 ¶3-5

Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2025

NgoMvulo, Oktobha 27

Abayeni bafanele babathande abafazi babo njengokuba beyithanda imizimba yabo.—Efe. 5:28.

UYehova ulindele ukuba umyeni ayithande inkosikazi yakhe, ahoye izinto ezidingayo, abe ngumhlobo wokwenene kuyo aze ayincede ihlale ingumhlobo Wakhe. Ukuba namandla okucinga, ukuhlonipha abantu ababhinqileyo nokuba ngumntu onokuthenjwa, ziza kumnceda umzalwana osemtsha xa etshatile. Emva kokuba nitshatile nisenokuba nabantwana. Yintoni eninokuyifunda kuYehova ngokuba ngutata? (Efe. 6:4) UYehova zange abe nantloni zokuxelela uNyana wakhe, uYesu, ukuba uyamthanda futhi uyavuyiswa nguye. (Mat. 3:17) Ukuba niye nangootata, baqinisisekiseni abantwana benu ukuba niyabathanda. Hlalani nibancoma xa benze izinto ezintle. Ootata abalinganisa uYehova bayabanceda abantwana babo ukuba babe ngamadoda namabhinqa alinganisa uYesu. Ninokukulungiselela ngoku ukuba ngootata ngokukhathalela abantu bakowenu nabazalwana noodade, nangokubaxelela ukuba niyabathanda futhi babalulekile kuni.​—Yoh. 15:9. w23.12 28-29 ¶17-18

Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2025
Wamkelekile.
Esi sisixhobo sokuphanda kwiincwadi eziveliswe ngamaNgqina kaYehova ngeelwimi ezahlukahlukeneyo.
Xa ufuna ukudawunlowda iincwadi, sicela ungene kwi- jw.org.
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share