NgeCawa, Oktobha 26
UThixo akabathandi abantu abanekratshi, kodwa ubenzela ububele abo bathobekileyo.—Yak. 4:6.
IBhayibhile ithetha ngamabhinqa amaninzi awayethanda uYehova futhi emkhonza. ‘Ayengabaxi xa esenza izinto’ futhi ‘ayethembeke kuyo yonke into,’ njengoko usitsho uMbhalo elisekelwe kuwo eli nqaku. (1 Tim. 3:11) Nasebandleni banokuba khona oodade abathanda uYehova, abanokufunda izinto ezininzi kubo oodade abasebatsha. Nina boodade abasebatsha, khanicinge ngoodade enibaziyo abaqhuba kakuhle eninokubalinganisa. Qwalaselani iimpawu zabo ezintle, nize nicinge ukuba ninokwenza ntoni ukuze nani nibe nazo. Uphawu olubalulekileyo amele abe nalo amaKristu kukuthobeka. Ukuba udade uthobekile, uza kuthandwa nguYehova nangabanye abantu. Ngokomzekelo, ibhinqa elimthandayo uYehova nelithobekileyo liza kulandela umyalelo wobuntloko obekwe nguTata wakhe osezulwini (1 Kor. 11:3) Lo myalelo uchaza ukuba ngubani omele akhokele ebandleni nasentsatsheni. w23.12 18-19 ¶3-5
NgoMvulo, Oktobha 27
Abayeni bafanele babathande abafazi babo njengokuba beyithanda imizimba yabo.—Efe. 5:28.
UYehova ulindele ukuba umyeni ayithande inkosikazi yakhe, ahoye izinto ezidingayo, abe ngumhlobo wokwenene kuyo aze ayincede ihlale ingumhlobo Wakhe. Ukuba namandla okucinga, ukuhlonipha abantu ababhinqileyo nokuba ngumntu onokuthenjwa, ziza kumnceda umzalwana osemtsha xa etshatile. Emva kokuba nitshatile nisenokuba nabantwana. Yintoni eninokuyifunda kuYehova ngokuba ngutata? (Efe. 6:4) UYehova zange abe nantloni zokuxelela uNyana wakhe, uYesu, ukuba uyamthanda futhi uyavuyiswa nguye. (Mat. 3:17) Ukuba niye nangootata, baqinisisekiseni abantwana benu ukuba niyabathanda. Hlalani nibancoma xa benze izinto ezintle. Ootata abalinganisa uYehova bayabanceda abantwana babo ukuba babe ngamadoda namabhinqa alinganisa uYesu. Ninokukulungiselela ngoku ukuba ngootata ngokukhathalela abantu bakowenu nabazalwana noodade, nangokubaxelela ukuba niyabathanda futhi babalulekile kuni.—Yoh. 15:9. w23.12 28-29 ¶17-18
NgoLwesibini, Oktobha 28
[UYehova] uyintsika yexesha lakho.—Isa. 33:6.
Ngoxa sithembekile kuYehova, siba nazo iingxaki futhi siyagula njengabanye abantu. Kusenokufuneka sinyamezele nokuphathwa kakubi ngabantu abangamfuniyo uThixo. UYehova akazinqandi ukuba zingenzeki kuthi ezi zinto, kodwa uthembisa ukuba uza kusinceda. (Isa. 41:10) Uza kusinceda sihlale sivuya, senze izigqibo ezifanelekileyo size sihlale sithembekile kuye nokuba sineengxaki ezinzima kangakanani. Uthembisa ukuba uza kusinika into iBhayibhile eyibiza ngokuba ‘luxolo lukaThixo.’ (Fil. 4:6, 7) Olu xolo yindlela esizola ngayo engqondweni nasentliziyweni, ngenxa yokuba singabahlobo bakhe. ‘Luyayodlula indlela yabantu yokucinga’; lumangalisa ngendlela engathethekiyo. Ngaba wakha wazola ngendlela owawungayilindelanga emva kokuthulula isifuba sakho kuYehova? Loo ndlela wawuziva ngayo, ‘luxolo lukaThixo.’ w24.01 20 ¶2; 21 ¶4