NgoLwesibini, Oktobha 28
[UYehova] uyintsika yexesha lakho.—Isa. 33:6.
Ngoxa sithembekile kuYehova, siba nazo iingxaki futhi siyagula njengabanye abantu. Kusenokufuneka sinyamezele nokuphathwa kakubi ngabantu abangamfuniyo uThixo. UYehova akazinqandi ukuba zingenzeki kuthi ezi zinto, kodwa uthembisa ukuba uza kusinceda. (Isa. 41:10) Uza kusinceda sihlale sivuya, senze izigqibo ezifanelekileyo size sihlale sithembekile kuye nokuba sineengxaki ezinzima kangakanani. Uthembisa ukuba uza kusinika into iBhayibhile eyibiza ngokuba ‘luxolo lukaThixo.’ (Fil. 4:6, 7) Olu xolo yindlela esizola ngayo engqondweni nasentliziyweni, ngenxa yokuba singabahlobo bakhe. ‘Luyayodlula indlela yabantu yokucinga’; lumangalisa ngendlela engathethekiyo. Ngaba wakha wazola ngendlela owawungayilindelanga emva kokuthulula isifuba sakho kuYehova? Loo ndlela wawuziva ngayo, ‘luxolo lukaThixo.’ w24.01 20 ¶2; 21 ¶4
NgoLwesithathu, Oktobha 29
Mandimdumise uYehova; mandilidumise ngentliziyo yam yonke igama lakhe elingcwele.—INdu. 103:1.
Abantu abathanda uYehova badumisa igama lakhe ngeentliziyo zabo zonke. UKumkani uDavide wayesazi ukuba udumisa uYehova xa edumisa igama Lakhe. Xa sisiva igama likaYehova siye sicinge ngohlobo lomntu anguye, ngeempawu zakhe ezintle nangezinto ezimangalisayo azenzileyo. UDavide wayefuna ukulingcwalisa nokulidumisa igama likaTata wakhe. Loo nto wayefuna ukuyenza “ngentliziyo [yakhe] yonke.” NabaLevi babekhokela ekudumiseni igama likaYehova. Ngenxa yokuba babethobekile, bavuma ukuba babeswele amazwi afanelekileyo okulidumisa igama likaYehova elingcwele. (Neh. 9:5) Kodwa ngenxa yokuba babemdumisa ngokusuka entliziyweni, siqinisekile ukuba bamvuyisa uYehova. w24.02 9 ¶6
NgoLwesine, Oktobha 30
Ngokwenqanaba esele sihambele phambili ngalo, masiqhubeke sihamba ngaloo ndlela.—Fil. 3:16.
UYehova akasoze acinge ukuba akukho yakho xa ungakwazanga ukuyenza into obuzimisele ukumenzela yona, ebingaphezu kwamandla akho. (2 Kor. 8:12) Funda xa kusenzeka into ekwenza ungakwazi ukude uyenze into ozimisele ukuyenza. Sukuzilibala izinto okwazileyo ukuzenza. IBhayibhile ithi ‘uThixo akangoThixo ongenabulungisa ukuba angade awulibale umsebenzi wakho.’ (Heb. 6:10) Ungawulibali ke nawe. Cinga ngezinto osele ukwazile ukuzenza. Mhlawumbi uye wakwazi ukuba ngumhlobo kaYehova nokuxelela abanye ngaye okanye ukubhaptizwa. Ekubeni uye wakwazi ukuzenza izinto obuzimisele ukumenzela zona uYehova, unokukwazi ukusebenzela nakwezo uzimisele ukumenzela zona ngoku. UYehova uza kukunceda ude ukwazi ukwenza into ozimisele ukumenzela yona. Njengokuba usebenzela ukuyenza into ozimisele ukumenzela yona uYehova, yonwatyiswa kukubona indlela akunceda nakusikelela ngayo. (2 Kor. 4:7) Ukuba awuncami, uza kukusikelela kakhulu.—Gal. 6:9. w23.05 31 ¶16-18