NgoLwesithathu, Oktobha 29
Mandimdumise uYehova; mandilidumise ngentliziyo yam yonke igama lakhe elingcwele.—INdu. 103:1.
Abantu abathanda uYehova badumisa igama lakhe ngeentliziyo zabo zonke. UKumkani uDavide wayesazi ukuba udumisa uYehova xa edumisa igama Lakhe. Xa sisiva igama likaYehova siye sicinge ngohlobo lomntu anguye, ngeempawu zakhe ezintle nangezinto ezimangalisayo azenzileyo. UDavide wayefuna ukulingcwalisa nokulidumisa igama likaTata wakhe. Loo nto wayefuna ukuyenza “ngentliziyo [yakhe] yonke.” NabaLevi babekhokela ekudumiseni igama likaYehova. Ngenxa yokuba babethobekile, bavuma ukuba babeswele amazwi afanelekileyo okulidumisa igama likaYehova elingcwele. (Neh. 9:5) Kodwa ngenxa yokuba babemdumisa ngokusuka entliziyweni, siqinisekile ukuba bamvuyisa uYehova. w24.02 9 ¶6
NgoLwesine, Oktobha 30
Ngokwenqanaba esele sihambele phambili ngalo, masiqhubeke sihamba ngaloo ndlela.—Fil. 3:16.
UYehova akasoze acinge ukuba akukho yakho xa ungakwazanga ukuyenza into obuzimisele ukumenzela yona, ebingaphezu kwamandla akho. (2 Kor. 8:12) Funda xa kusenzeka into ekwenza ungakwazi ukude uyenze into ozimisele ukuyenza. Sukuzilibala izinto okwazileyo ukuzenza. IBhayibhile ithi ‘uThixo akangoThixo ongenabulungisa ukuba angade awulibale umsebenzi wakho.’ (Heb. 6:10) Ungawulibali ke nawe. Cinga ngezinto osele ukwazile ukuzenza. Mhlawumbi uye wakwazi ukuba ngumhlobo kaYehova nokuxelela abanye ngaye okanye ukubhaptizwa. Ekubeni uye wakwazi ukuzenza izinto obuzimisele ukumenzela zona uYehova, unokukwazi ukusebenzela nakwezo uzimisele ukumenzela zona ngoku. UYehova uza kukunceda ude ukwazi ukwenza into ozimisele ukumenzela yona. Njengokuba usebenzela ukuyenza into ozimisele ukumenzela yona uYehova, yonwatyiswa kukubona indlela akunceda nakusikelela ngayo. (2 Kor. 4:7) Ukuba awuncami, uza kukusikelela kakhulu.—Gal. 6:9. w23.05 31 ¶16-18
NgoLwesihlanu, Oktobha 31
Kaloku uTata uyanithanda, kuba niye nandithanda, naza nakholelwa ukuba ndithunywe nguye.—Yoh. 16:27.
UYehova uyathanda ukubonisa abantu abathandayo indlela abamvuyisa ngayo. IZibhalo zisixelela ngamaxesha amabini, apho axelela uNyana wakhe, uYesu, ukuba uyamthanda futhi uyavuyiswa nguye. (Mat. 3:17; 17:5) Wena, ungathanda ukuva uYehova esithi uyamvuyisa? UYehova akathethi nathi esezulwini, kodwa usebenzisa iLizwi Lakhe, iBhayibhile. Xa sifunda izinto uYesu awayezithetha kubafundi bakhe, iba ngathi siva uYehova esithi uyavuyiswa sithi. UYesu wayezibonakalisa zinjengokuba zinjalo iimpawu zikaTata wakhe. Abafundi bakaYesu babethembekile kodwa benesono. Ngoko xa sifunda ukuba wabaxelela ukuba uyavuyiswa ngabo, sinokuba nombono kaYehova ethetha loo nto nakuthi. (Yoh. 15:9, 15) Iingxaki esinazo azibonisi ukuba uYehova akasavuyiswa sithi. Kodwa kusinika ithuba lokumbonisa ukuba simthanda kangakanani, futhi sithembele kangakanani kuye.—Yak. 1:12. w24.03 28 ¶10-11