NgoLwesibini, Julayi 29
[Uyandivuyisa].—Luka 3:22.
Kuthuthuzela nyhani ukwazi ukuba uYehova uvuyiswa ngabo bonke abantu bakhe! IBhayibhile ithi: “UYehova uyabathanda abantu bakhe.” (INdu. 149:4) Kodwa ngamanye amaxesha, abanye baye batyhafe kakhulu, kangangokuba bade bazibuze, ‘Ngaba uYehova uvuyiswa nandim?’ Nakubakhonzi bakaYehova abaninzi ababethembekile, ekuthethwa ngabo eBhayibhileni, kwakukhe kube nzima ukukholelwa ukuba uYehova uyavuyiswa ngabo. (1 Sam. 1:6-10; Yobhi 29:2, 4; INdu. 51:11) IBhayibhile yenza kucace ukuba abantu abanesono bangakwazi ukumvuyisa uYehova. Singayenza njani loo nto? Simele sizikholelwe izinto uYesu awayezifundisa, sizenze size sibhaptizwe. (Yoh. 3:16) Ngaloo ndlela, sibonisa abantu ukuba siguqukile kwizono ebesizenza, futhi simthembisile uThixo ukuba siza kwenza izinto ezithandwa nguye. (IZe. 2:38; 3:19) UYehova uvuya nyhani xa sisenza ezi zinto ukuze sibe ngabahlobo bakhe. Ukuba nje sizama ngamandla ethu onke ukuphila ngokuvumelana nento esamthembisa yona uYehova xa sasizinikela kuye, uye avuyiswe sithi size sibe ngabahlobo bakhe abathandayo.—INdu. 25:14. w24.03 26 ¶1-2
NgoLwesithathu, Julayi 30
Asinakuyeka ukuthetha ngezinto esizibonileyo nesizivileyo.—IZe 4:20.
Njengabafundi nathi sinokuqhubeka sishumayela nokuba urhulumente uthi masiyeke. Sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kusinceda sikwazi ukushumayela. Ngoko thandazela isibindi nobulumko. Cela uYehova akuncede unyamezele iingxaki onazo. Abaninzi kuthi bayagula okanye basentlungwini ngenxa yokuswelekelwa ngumntu abamthandayo, ingxaki yentsapho, ukuphathwa kakubi okanye ezinye iingxaki. Kuba nzima nakakhulu ukunyamezela ezi ngxaki xa kukho izifo ezigqugqisayo neemfazwe. Xelela uYehova yonke into esentliziyweni yakho, ubengathi uncokola nomhlobo wakho. Qiniseka ukuba “uza kukuxhasa.” (INdu. 37:3, 5) Ukuba sithandaza qho siza kutsho sikwazi ‘ukunyamezela xa sisebunzimeni.’ (Roma 12:12) UYehova uyazazi izinto ezenzeka kubakhonzi bakhe, “uyabeva xa bekhalela uncedo.”—INdu. 145:18, 19. w23.05 5-6 ¶12-15
NgoLwesine, Julayi 31
Qhubekani niqinisekisa ngento efunwa yiNkosi.—Efe. 5:10.
Xa kufuneka senze izigqibo ezibalulekileyo, kufuneka siqonde ukuba “kuyintoni na ukuthanda kukaYehova,” size sizenze ngokuvisisana nako. (Efe. 5:17) Xa sikhangela imigaqo yeBhayibhile esebenza kwimeko esikuyo, sikhangela ukuba uthini uYehova ngaloo meko. Siza kukwazi ukwenza izigqibo ezifanelekileyo xa sisebenzisa loo migaqo. USathana olutshaba lwethu ufuna sixakeke kakhulu zizinto zeli hlabathi de singabi nalo ixesha lokukhonza uThixo. (1 Yoh. 5:19) UmKristu unokuqalisa ukujonga imali, imfundo okanye umsebenzi njengezona zinto zibalulekileyo kuneendlela ezininzi anokumkhonza ngazo uYehova. Xa enokwenza loo nto, angabonisa ukuba sele eqalile ukucinga njengehlabathi. Ewe kona akukho rongo ukuzenza ezi zinto, kodwa asimele sizivumele zibe zezona zibalulekileyo kuthi. w24.03 24 ¶16-17