IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
Wamkelekile.
Esi sisixhobo sokuphanda kwiincwadi eziveliswe ngamaNgqina kaYehova ngeelwimi ezahlukahlukeneyo.
Xa ufuna ukudawunlowda iincwadi, sicela ungene kwi- jw.org.
  • Namhlanje

NgoLwesithathu, Julayi 30

Asinakuyeka ukuthetha ngezinto esizibonileyo nesizivileyo.—IZe 4:20.

Njengabafundi nathi sinokuqhubeka sishumayela nokuba urhulumente uthi masiyeke. Sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kusinceda sikwazi ukushumayela. Ngoko thandazela isibindi nobulumko. Cela uYehova akuncede unyamezele iingxaki onazo. Abaninzi kuthi bayagula okanye basentlungwini ngenxa yokuswelekelwa ngumntu abamthandayo, ingxaki yentsapho, ukuphathwa kakubi okanye ezinye iingxaki. Kuba nzima nakakhulu ukunyamezela ezi ngxaki xa kukho izifo ezigqugqisayo neemfazwe. Xelela uYehova yonke into esentliziyweni yakho, ubengathi uncokola nomhlobo wakho. Qiniseka ukuba “uza kukuxhasa.” (INdu. 37:​3, 5) Ukuba sithandaza qho siza kutsho sikwazi ‘ukunyamezela xa sisebunzimeni.’ (Roma 12:12) UYehova uyazazi izinto ezenzeka kubakhonzi bakhe, “uyabeva xa bekhalela uncedo.”​—INdu. 145:​18, 19. w23.05 5-6 ¶12-15

Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2025

NgoLwesine, Julayi 31

Qhubekani niqinisekisa ngento efunwa yiNkosi.—Efe. 5:10.

Xa kufuneka senze izigqibo ezibalulekileyo, kufuneka siqonde ukuba “kuyintoni na ukuthanda kukaYehova,” size sizenze ngokuvisisana nako. (Efe. 5:17) Xa sikhangela imigaqo yeBhayibhile esebenza kwimeko esikuyo, sikhangela ukuba uthini uYehova ngaloo meko. Siza kukwazi ukwenza izigqibo ezifanelekileyo xa sisebenzisa loo migaqo. USathana olutshaba lwethu ufuna sixakeke kakhulu zizinto zeli hlabathi de singabi nalo ixesha lokukhonza uThixo. (1 Yoh. 5:19) UmKristu unokuqalisa ukujonga imali, imfundo okanye umsebenzi njengezona zinto zibalulekileyo kuneendlela ezininzi anokumkhonza ngazo uYehova. Xa enokwenza loo nto, angabonisa ukuba sele eqalile ukucinga njengehlabathi. Ewe kona akukho rongo ukuzenza ezi zinto, kodwa asimele sizivumele zibe zezona zibalulekileyo kuthi. w24.03 24 ¶16-17

Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2025

NgoLwesihlanu, Agasti 1

Zininzi iingxaki zelungisa, kodwa uYehova ulisindisa kuzo zonke. —INdu. 34:19.

Kule ndumiso ingasentla sifunda izinto ezimbini ezibalulekileyo: (1) Abantu abangamalungisa baba nazo iingxaki. (2) UYehova uyasisindisa kuzo. Usisindisa njani? Enye indlela kukusinceda siyamkele into yokuba bunje ubomi kweli hlabathi. Nangona uYehova esithembisa ukuba siza kuvuya xa simkhonza, akathi asizukuba nazo iingxaki ngoku. (Isa. 66:14) Usikhuthaza ukuba sicinge ngexesha elizayo apho siza kube siphila obu bomi afuna sibuphile, ubomi obungunaphakade. (2 Kor. 4:​16-18) Okwangoku usinceda singayeki ukumkhonza. (IZili. 3:​22-24) Yintoni esinokuyifunda kubantu ababekhonza uYehova ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile nabale mihla? Sinokuba neengxaki ebesingazilindelanga. Kodwa xa sithembela kuYehova, soze axakwe kukusinceda.​—INdu. 55:22. w23.04 14-15 ¶3-4

Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2025
Wamkelekile.
Esi sisixhobo sokuphanda kwiincwadi eziveliswe ngamaNgqina kaYehova ngeelwimi ezahlukahlukeneyo.
Xa ufuna ukudawunlowda iincwadi, sicela ungene kwi- jw.org.
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share